Crime & SafetyLocalNews

Iimbokodo mazibambane zilwe amadabi obundlobongela ngakuwo.

31 August 2026 | Ntsikelelo Jonga | Mzantsi Afrika

“Yonke imihla unyaka nonyaka  kukhankanywa ukuphathwa gadalala, ukuhlukunyezwa nokugetyengwa kwamaNina eMzantsi Afrika. Yimeko le equqa ibuyelela okwezulu lasehala, kungekho nto eyenziwayo ngalonto”. La ngamazwi athethwe nguNkszn Buli Zondeka nonguSihlalo wombutho wezopolitiko i-United Democratic Movement (UDM) ekhokelwe nguBantu Holomisa.

UNkszn Zondeka uhambise wathi, 

“Ndiza nokukhuthaza amanina  ukuba azibandakanye nezopolitiko  kwiindawo esihlala kuzo. Iyancedisa kakhulu manina  into yokuzibandakanya nezopolitiko ukuze sikwazi singamanina ukuba ngezwi elinye simanyene sibambene sikwazi ukulwa ubundlobongela obujoliswe kuthi. Kwimingeni esijongene nayo singomama efana  nokungabikho  kwethu kwizikhundla eziphezulu kwiinkampani esisebenza kuzo, kuxatyiswe ukuqashwa ootata kwizikhundla eziphezulu. Omnye umngeni yi’GBV’ eya isixaka eMzantsi Afrika, uxhaphazo lwabantwana bethu ngokwesini, zinto ezo zingabazelwa liso. Xa sinokubambisana singamanina singenza lukhulu ingakumbi kwezo politiko.

Ukuzibandakanya  nezopolitiko kungenza sikwazi ukuwulwa lomkhwa wokujongelwa phantsi kwamanina. Sikwazi nokubakho xa kuthathwa izigqibo singamanina kwicala lomthetho.

Khumbulani mathandazwe ukuba awukho umzi omayo umama engekho, kungoko ke kufuneka sikhona xa kuthathwa izigqibo ngesizwe sethu”. Ukuthethe oku ekhankanya amatyeli ngamatyeli ngezenzo zenkohlakalo ezijoliswe kumanina ekuquka kwanamanani wamanina agetyengwayo umhla nezolo ukususela kumanina asele aluphele/emadala ukuya kumantombazana nabantwana abancinci. Uthi ukuzibandakanya kwamanina kwezopolitiko kungenza oko ukuba abenelizwi elinamandla ukubuyisela isidima nokuseleko lwawo.