Arts & CultureLocalNews

Uqhutywe ngempumelelo umbhiyozolo wesiMpondo 

Monwabisi Khininda | Mthatha

Iintsuku zibene kuqhutywa umnyhadala we-Funda Mpondo International Literary Festival. Lo mnyhadala ubuqhutyelwa eLusikisiki Health Resources Centre nakwiziko eliseZamukulungisa kwiYunivesithi iWalter Sisulu eMthatha ngomhla wokuqala 01 Sept –ukusuka kumhla we 2-4 ubuqhutyelwa eLusikisiki. Lo mnyhadala wesihlanu oququzelelwa nguNomawele Njongo ongumlawuli we-KwaziThina Publishers ezinze eGauteng. Umxholo walonyaka ubusithi Let Africa Tell Her Story.

Lo mnyhadala ubuzinyaswe bubukho beengcungela zezifundiswa ezisuka eUganda naseMalawi. Isithethi sosuku ngomhla weResearch Day kwiYunivesith iWalter Sisulu uGqirha-lwazi Xolisa Tshongolo oyingqonyela kwa-PANSALB kwipondo le Mpuma Kapa. UGqirha Tshongolo uwakhuthazile ewancoma amaMpondo ngokuba abhale iincwadi ngolwimi lwesiMpondo oluphantsi kolwimi isiXhosa. UTshongolo uthe ngamaMpondo ayakuzikhupha phantsi kwengcinezelo yezinye iilwimi. Uhambise wathi ulwimi lubaluleke kakhulu esizweni kuba luqulathe imbali,inkcubeko nobulumko.Uthe ukuba iMishinari zazifikele emaMpondweni ngeyaba sisiMpondo ulwimi lwabaNtsundu olwaqala lwabhalwa phantsi ngoku amaRharhabe abanethamsanqa lokuba intetho yawo ibhalwe phantsi kuqala kutsho kuthiwe sisiXhosa. “Zonke iilwimi eziphantsi kwesiXhosa ezifana nesiMpondo, isiMpondomise, isiBomvane, isiPhuti, isiHlubi, isiGcaleka kwanyanzeleka zigobe athi umntu obhala okanye othetha ngenye yezilwimi kuthiwe intetho yakhe ayichanekanga.” Uthe amaMpondo mawaziphume akhangele indawo yawo kulawulo lweDemokrasi. “Mawahlale ekhangela angalindeli ukufunzwa ngurhulumente.”Uhambise wacacisa ngelithi I-PANSALB iyasamkela isiMpondo njengolwimi oluzimelyo olunemigaqo nendlela olubhalwa luthethwe ngayo ngokwahlukana kweendawo.

UGqirha Tshongolo uthe amazikomfundo afana neYunivesithi iWalter Sisuslu angakuqhubela phambili ukuphuhliswa kwesiMpondo kuba baninzi kakhulu abantwana bamaMpondo abafunda kweli ziko. “Makuvakale ukubetha kolwimi lwesiMpondo kuphando olwenziwe ngesiMpondo i-WSU ibenguvimba kuphando ngolwimi lwesiMpondo.” UGqirha Tshongolo uqwele ngelithi “Isizwe esingabhaliyo sijamelene nobubhanxa. Isizwe esingabhaliyo sisizwe esileleyo.”