Baphulukene nako konke emlilweni
Intatheli: Ntsikelelo Jonga | Kraaifontein
Kutshe kwangqongqa izindlu eziliqela ePhase 4 eWallacedene ngomhla we-5 kule yeDwarha. Kuchazwe ukuba unobangela walomlilo ibeyirhasi (gas stove) abe efudumeze ngayo ukutya umntwana. Akukho zingxelo zamaxhoba athe asweleka okanye atsha emlilweni.
Uninzi lwabantu abebephangele beve xa betsalelwa iminxeba ngokwehlileyo kumakhaya wabo kwaye baphulukene nako konke. Inkonzo yezicimamlilo ifikile nangona ifike sele umonakalo omkhulu wenzekile.
Ukanti ke umbutho i’Makahope Foundation’ ithe yanceda ngento esiwa phantsi kwempumlo kumaxhoba omlilo. Kukwacelwa nakuye nawuphi na ubani onokunceda ngokuxhasa amaxhoba omlilo ngalonto ubani lowo anokufikelela kuyo.

