Umsitho womdyarho wamahashe
Intatheli: Anele Raziya | Dutywa

Â
Nangona engasekho emhlabeni uTata uAdvocate Mthetheleli Ngumbela kodwa imisebenzi yakhe emihle isabhiyozelwa nanamhlanje eMpuma Koloni.
Kulandela emva kokuba iNgumbela Foundation ibisindleke umdyarho wamahashi noweembaleki ngempelaveki eDutywa, eMbhashe.
Injongo zale misitho ibizezokhumbula imisebenzi emihle nomzila ohanjwe nguTata uNgumbela ngexesha esandla amazimba.
Umsitho wokuqala womdyarho weembaleki nobuququzelelwa yiNgumbela foundation ibambisene neZwelonke Athletic Club, ububalekwa umgama ozikhilomitha ezilishumi (10km) kwaye uqala kwilali yaseColosa uyokuphela kwivenkile yakwaNgumbela edolophini eDutywa.
Iimbaleki zaseGcuwa naseDutywa kunye neezendawo ezingqongileyo beziphumile ngobuninzi uzokhuphisana kulo mdyarho ubisendlekwe egameni lika Tata uNgumbela ngempelaveki.
Usodolophu waseMbhashe, uGqirha Samkelo Janda naye ukhe wathatha ixhanxeba kulo mdyarho weembaleki ngelibonisa ukubhiyozela imisebenzi emihle kaTata uNgumbela owayengusomashishini ophume izandla.
Kuthe xa kusongwa leyo inkqubo yeembaleki kwayiwa kumdyarho wamahashe obubanjelwe kwilali yaseNgcingwane kwindawo yakuBomela eMbhashe, apho bekushiyisana oomama ukondla amadoda ekhuphisana emahashini.
UMphathiswa wezeNcubeko noBugcisa ephondweni, uSibulele Ngongo, usapho luka Tata uNgumbela eliquka nomnye wabafazi bakhe, uMama uCynthia, iinkosi, usodolophu uGqirha Janda kunye nabahlali bebephumile ngobuninzi uzokuxhasa amahashi.

Umsitho wala mahashi ububanjwe phantsi kwesihloko sawo esithi “Annual Ngumbela October Horse Race” kwaye bebephumile abahlali benxibe imimbaco yabo beqabile nembola ebusweni kuxhentswa ngamaqela emixhentso konwatyiwe.
Umdyarho ubutsale umdla wamahashi ebephuma kwiingingqi ezifana neyaseOR Tambo, Alfred Nzo, Qwaqwa, Amathole, Buffalo City, Chris Hani neezinye iindawo.
Ethetha ngexesha lomsitho unkosikazi kaTata uNgumbela, uCynthia uthe kuluvuyo ukubona abantu besabhiyozela imisebenzi yomyeni kwaye wathi belusapho bazaqhubeka benceda uluntu olungathantweni njengoko lo somashishini ongasekhoyo ebesenza njalo.
UCynthia uthe uTata uNgumbela ibingumntu obethanda uphuhlisa uluntu kwaye ezithanda kakhulu izinto ezidibanise neezemidlalo.
Uqhube wathi belusapho bazimisele ukuhamba ngqo kwinyawo zongasekhoyo kwaye bancedise emidlalweni nakwezinye izinto ebefudula ezenza ukunceda uluntu ngexesha esandla amazimba.
UMphathiswa uNgongo uthe imisebenzi kaTata uNgumbela iyakuhlala ibonakala kwaye nabo basakhulayo bayakufunda lukhulu kumzila wakhe.
Uqhubeke wancoma nendlela entle eqhutywa ngayo imisitho yamahashi kwaye encoma nokuhonjelwa kwayo ngesinxibo sesixhosa, imimbaco.
Uvalelise ngelithi urhulumente uyawuxhasa kakhulu umdyarho wamahashi kaTata Ngumbela kuba unika ithuba amahashi ukuba akhuphisana kwaye ukwabonakalisa neenkcubeko yabantu abantsudu.
Imidyarho efana nalena kaTata uNgumbela ikwancedisa nakwicala lokhulisa uqoqosho lasekuhlaleni njengoko kubakhona iindwendwe eziphuma kude.



