Batshelwe zizicheku abaphangi bemoto zemali
08 kuTshazimpuzi (Apr) 2024 – Monwabisi Khininda
Abaranelwa abathathu bakuTsolo abanxulunyaniswa nophango lwezithuthi ezihambisa imali bavele emaplangeni kuTsolo ngpLwesihlanu. Bakwajamelene namatyala okufunyanwa nemipu engenamaphepha mvume kunye neembumbulu. Barhanelwe banqakulwe kwintseni yangoLwesine kumakhaya awohlukeneyo.
Umrhanelwa wokuqala uDumasi Mhlabeni (56) ukhululwe ngebheyile ye-R1500 ityala limiselwe umhla we-27 May kulo umiyo,ukuze kuqhutyekwe nophando. Ababini abarhanelwa bathe bakhululwa yinkundla emva kokurhoxiswa kwamatyala ngakubo okomzuzwana ukuze kuphandwe kwenziwe luqilima amatyala abajongene nawo. Esi sithathu sibanjwe ngamacandelo ohlukeneyo aquka ooKhetshe baseMthatha, Tactical Response Team kunye neMthatha Local Record Centre.
Oku kulandela iinkcukacha ezithe oonqevu abane abebekhangelwa ngamapolisa ngokuphangwa kwezithuthi eziphatha imali kummandla waseMthatha bayafumaneka kumakhaya abo kuTsolo. Agaleleke engabhungisanga amapolisa abanqakula bengalindelanga. Ngokutsho kwengxelo yesithethi seHawks ephondweni uWarrant Officer Ndiphiwe Mhlakuvana umrhanelwa wesine kufikwe engekho kodwa kwafunyanwa imali nemipu emibini neembumbulu.
Aba barhanelwa banxulunyaniswa nolunye ulwaphulo mthetho olunobuzaza olwenzeke ephondweni kutsha nje.Ibambela ntloko kwiHawks ephondweni uBrigadier Vennessa Shantelle Hastings uqhwabele izandla iqela elilwa ukuphangwa kwezithuthi eziphatha imali ngomsebenzi omhle wokusiphula neengcambu ezi ziganeko.
