Kuthiwa zimbi iindaba ngo “Cimi Cimi” wombane kule veki
11 May 2023 – Intatheli kaDizindaba
EKAPA
Abantu babonakala bengonwabanga ziindaba zakutshanje nalapho iziko eliphehla umbane, uEskom eye wavakalisa okokuba le veki izakuthiwa mbende ngu Stage 6. Oko kuthetha okokuba lizakuthi nyi iqondo lika cimi cimi wombane ntoleyo ethetha okokuba abantu kufuneka balindele ukucima kombane iiyure ezine.
Bona abakwa Eskom bakhale ngokonokala kwezinto ezithile kumaziko abo athile aphehla umbane nafana noMedupe phakathi kwamanye amakhulu amaziko abo. U Eskom uvakalise okokuba ngenxa yoku kuye kwanyanzeleka okokuba bangene ku Stage 6 we “Loadshedding”. Abakwa Eskom bathe oku kuye kwabonakala kuyeyona ndlele enokubanika ixesha elaneleyo lokujongana nezi ngxaki banjongene nazo. Babuye futhi abakwa Eskom bavakalisa okokuba yintywenka yemali ekwii Billions ekujongane nayo ukulungisa izinto. Kungokunje abakwa Eskom bathe babongoze uluntu lube nomonde phantsi kwezi meko. Kusenjalo yena uMongameli Ramaphosa uthumele abe SANDAF, (umkhosi wemfazwe) ukuyakujonga konke okwenzakayo kula maziko aphehla umbane nanjengo kukrokrelwa okungekuhle nokuqhubekakwa Eskom.
Kwakuba nje bona abemi bephondo lase Ntshona Koloni bavakalise olukhulu uvuyo emveni kukuba iiRhulumente weli phondo neliphethwe ngumbutho we DA evakalise okokuba yena uzakubekela ecaleni isixa mali esiyi 7,1 Billion. Lo Rhulumente weliphondo uvakalise okokuba esi sixa mali sizakujongana nokunceda abo basokoleyo yaye bengathathintweni. Lo Rhulumente ukuvakalise okokuba kubalulekile ukujongana nee ngxaba zabantu abasokalayo endaweni yolu “Rhwaphilizo” luqhubekayo.
Kusenjalo abahlali base Gugulethu, Nyanga nakwa Langa bavakalise okokuba bona uninzi lwabo lakhulele phantsi koRhulumente wamandulo bathi abazanga bazibona ezinje iingxaki ezize nalo Rhulumente wathi uze nenkululeko. Umnumzama Vusumzi Vangqa waseGuguletu uthe: “Oku kuvakaliswa nguRhulumente wethu apha eNtshona Koloni yeyona nto sakhula siyazi indlela ekubaluleke ngayo ukucingela abo bangathathintweni. La Rulumente wakudala wayekwazi ukuveza imisebenzi de kubekho iiveni ezizulayo zipapasha izithuba zemisebenzi.”
Yena usisi wase Guguletu uToneka Mgandela uthe: “Ewe uRhulumente wakudala wayena bandlululo, kodwa sasiphila bhetele kuba indlala sasingayasi kuba wonke umntu ephangela. Lawo ubengakaphangeli bebebonelwa abantwana ngabamelwane, hayi le nto yangoku!” utshilo evakala enomsindo.


