NewsUncategorized

Iinkedama zisinde chebetshu emlilweni

Yintatheli yeKhwezi

Basinde ngokulambisa abantwana abahlala bodwa kwikhaya elingenamntu umdala kwilali yakwaZulu ,eLusikisiki.Abantwana  abazelwe ngo-2005,2009 no2010 abaswelekelwa ngabazali bashiyeka bengenamncedi eLusikisiki bavuswe lidangatye lomlilo kanti kutsha ikhaya labo bengaphakathi endlini.Ukanti ingxelo ithi uthe wakuvuka omnye wabo eyochitha amanzi ngasese wabona indlu imnyama ngumsi ivutha umlilo akabasilibazisa wavusa abanye abantakwabo kanti omnye sele wonganyelwe ngumlilo ezingubeni.Kube ngamatiletile kucinywa abantwana bezama nokuhlangula usisi wabo omncinci wabe uyasinda.

U-Anoxolo Chefwa oneminyaka elishumi elinesihlanu ngoyena ubelixhoba lokutsha waze wabalekiswa esibhedlele iSt.Elizabeth eLusikisiki nalapho bakwazileyo abezonyango ukusindisa impilo yakhe nangona ebonzakele ngokumanyumnyezi.Kanti oyena umdala kubo uLindikhaya (20) wancama wayeka isikolo kulonyaka umiyo ngenxa yemeko yekhaya nangenjongo yokukhathalela abantwana bakowabo,kodwa nalapho kunzima impilo ibongamele abantwana bakwa Chefwa kwalili yakwaZulu kuwadi 4 eLusikisiki phantsi komasipala Ingquza Hill.

UMFANEKISO: U-Anoxolo Chefwa osinde esibhedlele emva kokutshiswa ngumlilo.