LocalNewsSocial Development

Banikwe imikhukhu amaxhoba 

Intatheli: Anele Raziya

Ezinye izindlu esele kunikezelwe ngazo kumaxhoba wemvula eMnquma

UNozo Bhotoman ongomnye wamaxhoba awalahlekelwa zimpahla kwizatyalatyala zemvula ezagqugqisa kwindawo yemikhukhu ebizwa ngokuba kuse Skiti eGcuwa, uthe uzakutsho alale ubuthongo obehlayo emveni kokuba exhamle kwizindlu zethutyana (temporary houses) ebezinikezelwa ngurhulument kwiveki ephelileyo. 

Kwimvula enkulu yakutsha nje eyashiya itshabalalise ibhulurho kunye neemikhukhu eSkiti, uBhotoman ungomnye wabantu abaphulakana neempahla zabo zonke zokunxiba, ibhedi, ithivi, umkhukhu wakhe nawo wemka namanzi, yena nabantwana bakhe basinda ngokuphuma babaleke amanzi awayelwatyuza ehamba ezantsi kwedolophu yaseGcuwa. 

UNozo Bhotoman omnye wabantu abamkelwa ngumkhukhu eSkiti eGcuwa ngenxa yemvula, ufumene indlu kwaye umphefumlo wakhe wonwabile ngoku. 

Bonke abangamaxhoba walo mvula bayolaliswa kwiholo yedolophu yaseGcuwa bephephiswa kulo nogumbe wemvula owahlasela nendawo ezifana noMthatha. 

Ngexesha behlala eholweni, urhulumente waye wabaxelela ukuba uzokhawulezisa abokhele izindlu zethutyana abazakuthi bahlale kuzo ukuze basuke kwindawo yase Skiti nebonakala ingakhuselekanga. 

Konke oko kwavela ngexesha inkulumbuso yephondo, uLubabalo Oscar Mabuyane ebatyelele eholweni emveni kwesehlo eso semvula enkulu. 

Kwiveki ephelileyo bekugcwele uncumo nje kubahlali baseSkiti abangamashumi amathandathu (60) ngexesha befakwa kwizindlu zethutyana abazakhelweyo ngasentle kwilokishi yaseMsobomvu. 

UBhotoman obegcwele uncomo ebusweni, uthe intliziyo yakhe itsho yaxola kwaye kwaphola nexeba ebenalo lokulahlekelwa zizinto zakhe zonke zendlu, emveni kokuba kukhwazwe igama lakhe kwathiwa makangene endlini yakhe entsha. 

“Sokuze ndiyilibale into eyandehlelayo nabantwana yokuba zimke zonke impahla zethu zokunxiba sisheyeke nezisemzimbeni kuphela ngenxa yemvula,” kutsho uBhotoman. 

Uthe ukuze babenempahla zokutshintsha emzimbeni baziphiwa ngabantu ngexesha sele behlala eholweni eGcuwa. 

Uqhube wathi emva kokuba kubizwe igama lakhe wafakwa endlini iye yaqala yaxolo intliziyo yakhe kwaye wonwaba nasemphefumlweni. 

Kwezi zindlu zabo sele befakelwe neempompo zamanzi ecaleni kwazo ubalungiselela ukuba bangasokolo xa befuna ukupheka nokuvasa. 

UBhotoman uvalelise ngelithi uyambulela urhulumente ngokugcina isithembiso awasenzayo kubo kwaye uninzi labantu abaye baxhamla kwezi zindlu zethutyana ibingamanina. 

Urhulumente kulindeleke ukuba aqhubeke encedisa kubo bonke abantu abathi bangamaxhoba wemvula eMnquma. 

Amagosa waseburhulumente ebenikezela ngezindlu zethutyana ebekhokelwa ngumasipala waseMnquma eGcuwa.