CommunityCrime & SafetyLocalNews

Kudutyulwe kwabulawa oonotekisi ababini eMthatha

15 ISilimela 2023 – Monwabisi Khininda

Mpuma Koloni

AmaPolisa aphehlelele iphulo lokukhangela ababulali abadubule babulala oonotekisi ababini eSlovo Park eMthatha kubusuku bangoLwesihlanu. Iimeko ezikhokhelele kolugebengo azikacaci okwangoku.Isithethi samaPolisa ephondweni uWarrant Officer Majola Nkohli uthi amapolisa akhwetywe kwindawo yexhwayelo kwisithuba sentsimbi yesixhenxe ngongcwalazi lwemivundla. Ngethuba egaleleka afike kwisithuthi esilihlobo lwebhaki ebesinabakhweli ababini singqube isango lendawo ebizwa Bed and Breakfast.

UWarrant Officer Nkohli uqhube wathi amaxhoba kukholeleka ukuba ngamalungu ombutho wetekisi eMthatha. Ingxelo idiza ukuba amaxhoba afumene okudutyulwa kumzimba ongentla kwaye achazwe njengabhubhele kwindawo yexhwayelo.Kukho iingxelo ezidiza ukuba abahlali beve izithonga zemipu ngaphambi kokuba esi sithuthi sikhalale umgaqo siyontlitheka edongeni lesango.

Amaxhoba achazwe njengoMasixole Gebengu (47) kunye noDumisani Bango (42). Sibhala nje amaPolisa alele ncwaba emkhondweni wabarhanelwa. AmaPolisa abongoza nabani onganenkcukacha ezinokhokhelela ekubanjweni kwabarhanelwa aqhakamshelane neqela labaphandi kule nombolo-0823931062