Owam Madikane: Inkanyiso yeBhola eQonce Iqhubeka Nokukhanya
Lona ngu Owam madikane umdlali we Bhola ekhatywayo kwisi xeko esi mbaxa e Zwelitsha kwi dolophu yase Qonce, U Owam madikane uyaqhubeka nokuzenzela igama kwezi zemidlalo (soccer) uluntu oluninzi lungamazi ngomntana odlalela amaqela amaninzi ukusuka eQonce ukuyo qhina eMonti kodwa elona qela lakhe yi Teenagers SC yase zwelitsha,uye wadlalela eli qela le bhola ekhatywayo iminyaka emininzi kuthe eku thandeni kwakhe uku dlala ibhola ekhatywayo wazi manya ne qela lase monti elibizwa ngoku ba yi Gunobie STARS FC waye wazi celela uku ncedisa eli qela komnye umjikelo we tumente eyayi banjwe kuma bala ase monti(bunkers hill grounds)waye wakwazi uku nceda iqela eli wayeli ncedisa ngokuthi afake inqaku kulo mdlalo yabe iqela le Gunobie star’s FC liya fikelela kuma qhibela ka nqoyi e tumente ngenxa yalo mdlali waye wathathwa liqela eli emva kwe thutyana laze iqela lamu wonga nge bhasa(Best Defender of the Season)uphindile wasa iqela eli kuma qhibela kanqoyi kum mjikelo we(Top 8 )apho iqela laye la bethwa kumdlalo wabo woku qhibela.
Sithetha usando wongwa ngoku kuba abe ngu mququzeli we qela eli abe yi nkokheli(captain)ebesando kuthatha inkxaxheba kwi qela le King peacemakers fc eli dlala kwi Qonce LFA esa bambise kweli qela okwe thutyana,apho adlale khona imidlalo emi 4 kulo midlalo athe wayi dlala uye waphuma ne (Assist 2) ne man of the match enye,kulona unyaka sikuwo iqela lakhe eli lali mthathile e monti limnyusele ukuba abe yi nkokheli yeli qela kule season sizaku ngena kuyo,IQonce maliphakame nanku unyana walo esenza okuhle ephondweni.


