Crime & SafetyLocalNews

UNogcile ubulewe kwisenzo sempindezelo

14 EyeNkanga 2024 – 27 EyeNkanga 2024

Intatheli: Monwabisi Khininda

Usapho lukaNkosi uNogcinile Mtirara (71) odutyulwe wabulawa kwinyanga ephelileyo komkhulu eMqhekezweni eBityi, ngaseMthatha luchaze isizathu esingunozala wokubulawa kwakhe. Unyana wakhe uPhikolomzi Mtirara obefunwa zizikrelemnqa uthi ukubulawa kukamama wakhe yimpindezelo emva kokuba yena ubethathe inxaxheba ukulwa ulwa`phulo mthetho. Uthi kwixeshi elingephi bekuxhaxhwe kwabulawa owasetyhini. Abahlali babamba abarhanelwa ababini babohlwaya omnye kubo wasweleka loo gama omnye wakwazi ukubaleka.

“Esi siganeko yimpindezelo,umama womnye wabarhanelwa ababethwayo wagrogrisa ngokuziphindezela.Abarhanelwa bebefuna mna kodwa ndive umama ekhwaza epasejini ebuza ukuba bafuna ntoni, beengobani? Kamva ndive izithonga zompu ndaphuma umama sele elele phantsi elijaja ligazi wasweleka ngoko nangoko,” kubalisa uPhikolomzi Mtirara. Uqhube wathi abazuphinda mva kumlo wolwaphulo mthetho eMqhekezweni. Uchaze abanqalintloko njengamagwala akhethe ukubulala umama wakhe omsulwa esoyika yena. Kukho iingxelo ezithi kuxhaxhwe kwabulawa omnye umntu kwalapha eMqhekezweni kwesinye isiganeko kodwa okwangoku akukabikho lizwi kwisipolisa.

Ingxelo yamapolisa idize ukuba ixhoba lidutyulwe ngamadoda amabini angaziwayo abezigqume ngebhalaklava.Kwisiganeko sesibini kudlwengulwe abafundi abahlanu kwalapha eMqhekezweni. UMkomishinala wamapolisa ephondweni uLieutenant General Nomthetheli Mene uthi amapolisa asebenzela ukuqinisekisa ukuba abenzi bezi ziganeko bayabanjwa zingekapheli iiyure ezingamashumi amabini anesine.

Amapolisa acela nabani onganolwazi olungancedisa kubanjwe abarhanelwa atsalele umnxeba amapolisa e-SAPS Crime Stop 0860010111 okanye isikhululo samapolisa esikufuphi.