LocalNewsPolitics

“Makabanjwe uRamaphosa”-Niehaus

24 August 2024 – Monwabisi Khininda

EKOPPIES

Abahlolokazi nabasebenzi abasinda kwindyikityha yokufa yaseMarikana, ngoLwesithathu bagaleleke eKoppie apho kwadutyulwa kwabulawa abasebenzi –mgodini abangama-34 ngonyaka wama-2012. Inkqubo esemthethweni eququzelelwe ngumbutho wabasebenzi migodini kunye neManyano yoLwakhiwo eMarikana.Phakathi kwabo bekukho neNgqonyela yaseSibanye Stillwater uNeil Froneman. Kodwa abaninzi bathi akukabikho lutshintsho kubomi bamaxhoba nezizalwane zabo.

Ixhoba elasindayo lithe uMongameli Cyril Ramaphosa unetyala kubo kwaye ufuna ukuba olu suku lubhengezwe njengeholide yokukhumbula abasebenzi basezimayini abadutyulwa ngamapolisa basweleka ngalomhla weshwangusha. UMongameli Ramaphosa utyholwa ngokuphembelela udushe olwakhokhelela ekubulaweni kwabasebenzi.

Owayesakuba lilungu leANC uCarl Niehaus umemelele ukuba kubanjwe uRamaphosa ngendima yakhe kwindyikityha yokufa.