Kuzakwakhiwa imall eDutywa
23 EyeDwarha 2023 – Anele Raziya
DUTYWA
Abahlali baseMbhashe abangaphaya kwamakhulu amane (400) kulindeleke ukuba bafumane amathuba weemisebenzi eDutywa kwaye noqoqosho lasekuhlaleni liphucuke nangakumbi.
Kulandela emva kokuba uSodolophu waseMbhashe, uSamkelo Janda ekunye nosomashishini owaziwayo ephondweni, uLivingston Gcobani Nogoduka bephethule isoyi epho kuzo kwakhiwa khona udederhu lweevenkile, iMbhashe LG Mall kwiveki ephelilelyo ngoLwesibini.
Usomashishini uNogoduka uze notyalo mali eliyi R320 million ukuba kwakhiwe iMbhashe LG Mall ngakuhola wendlela uN2 xa uphuma kwidolophu yaseDutywa usiza eGcuwa.
Ethetha usodolophu waseMbhashe, uJanda emva kophethula isoyi uthe “olu tyalo mali luzakuzisa utshintsho olukhulu kuluntu lwaseDutywa kuquka nengingqi yaseMbhashe iphela kunye noluntu jikelele. Le yenye yendlela zokuhlumisa idolophu yaseDutywa, nanjengoko olu phuhliso luzakuthi ludale amathuba emisebenzi kutsho kunciphe intswela ngqesho,”.
Uthe ingxaki abajongene nayo kukuxinana kwedolophu yabo kwaye uphuhliso lizokwenza kuthi gabalala.
Uqhube wathi olu tyalo-mali luzisa uphuhliso oluzakuba negalelo ekutshintsheni imeko yoluntu ibe kwimo ephucukileyo ukuze lufikelele lula kwizidingo zamakhaya alo.
Oku kwakhiwa kwale Mall kulindeleke ukuba kutsale nabanye abatyali zimali baze eMbhashe kutsho kuxhamle uluntu, kuphuhliseke oosomashishini abakhulayo kunye neezokhenketho.
UJanda uthe bengumasipala baphathelela ekulandeleni iindlela ezintsha neengcebiso zokuphuhlisa iidolophu zabo kunye neendawo abahlala kuzo, bakwenza oko ngokunika ingqwalasela yomkhomba ndlela i-Spatial Development Framework.
Usomashishini uNogoduka ethetha kulo msitho, uvakalise uzibophelela kwicala lokuphuhlisa ingakumbi idolophu yaseDutywa.
“Ukusukela kwintsuku zobutsha bam kudala ndakuthanda ukuba ngusomashishini ohlangabezana neemfuno zoluntu, ndiyathanda ukubona uphuhliso loluntu, kungoko ndithathe eligxathu lokuba ndityale imali kulengingqi yaseMbhashe ngokwakha udederhu lweevenkile ukuze kuxhamle uluntu lwalendawo kudaleke namathuba emisebenzi,” kutsho uNogoduka.
Uthe uyayibulela intsebenziswano ayifumene kwibhungu lomasipala waseMbhashe noSodolophu uJanda malunga nokumvumela aze nophuhliso kwindawo yabo kwaye ubulela nabahlali.
Olu phuhliso kulindeleke ukuba ludale amathuba emisebenzi angamakhulu amane(400) kwisithuba solwakhiwo, ze afikelele ku-350 xa kusele zivuliwe iivenkile.
Amashishini angamashumi amane (40) sele ezibophelele ngokuzisa iinkonzo zawo kule Mall(iveenkile zokutya, ezefashoni kuquka neebhanki)
Abaphuhlisi(Developers) benkampani eyaziwa ngokuba yi-EXEMPLAR sele ikulungele uqalisa umsebenzi kwaye yinkampani enava ekwakheni.
Kulindeleke iqalise ukwakhiwa iMbhashe LG Mall kwaye kungekudala, ngoMatshi wonyaka 2025 izakuba sele isebenza.

