Axhasiwe amashishini amancinci eMbhashe
31 EyeDwarha 2023 – Anele Raziya
DUTYWA
USodolophu woMasipala waseMbhashe eDutywa, uSamkelo Janda akawuvali umlomo yinkxaso abayifumeneyo kwisebe elijongene nokuphuhlisa amashishini amancinane.
Kulandela emva kokuba uMphathiswa weli Sebe kuzwelonke, uStella Ndabeni-Abrahams eye waxhasa amashishini amancinane angama-69 kwingingqi yaseMbhashe kutsha nje.
Oosodolophu abaquka owaseAmathole kubo, uAnele Ntsangani, owaseMbhashe, Samkelo Janda namalungu weNdlu yoWisoMthetho eBhisho bebeyinxalenye yalo msitho ububanjelwe kwiholo yedolophu yaseDutywa.
Amashishini amancinane awohlukeneyo ephuma kwiiWard zaseMbhashe aye anikwa iizixhobo zokusebenza nguMphathiswa uNdabeni-Abrahams.
Injongo zeli nyathelo kungokuba urhulumente ufuna lamashishini akwazi ukuzimela kwaye aqhubele phambili nange galelo lawo kuqoqosho lwasekuhlaleni.
Ethetha uNdabeni-Abrahams kulo msitho uthe bengurhulumente bazimisele ukhulisa amashishini amancinane kuba adlala indima enkulu kwicala lokhulisa uqoqosho kwingingqi yaseMbhashe.
Uqhube wathi amaxesha amaninzi amashishini amancinane asoloko eguqula impilo zabantu kungoko bebone kufanelekile ukuba bawanike edingekayo kuwo.
UJanda uthe lenkxaso bayifumene kwisebe lika Ndabeni-Abrahams iyakudlala indima ebalulekileyo kwicala lokunciphisa izinga lendlela kunye nokwandisa amathuba wengqesho.
Uthe bengumasipala bayibulela kakhulu lenkxaso yezizixhobo zokusebenza kula mashishini mancinane.
Amanye amashishini afumene iizitulo, imbiza, imatshini zokuthunga nezinye izixhobo logama amanye amashishini efumene inkxaso mali ukuze athenge izinto azidingayo.
Amashishini waseMbhashe amancinane aye enze umbulelo omkhulu kuMphathiswa uNdabeni-Abrahams obanike inkxaso ebalulekileyo.