News

Kubanjwe ishumi labantu ngokubulala eSajonisi

Port St. Johns

Ngabantu abalishumi ekulindeleke bavele enkundleni yamatyala ePort St. Johns ngetyala lokubulala abantu ababini kwilali yakuMbabala nekubusukuba ngoLwesihlanu. Abarhanelwa baphakathi kweminyaka engamashumi amabini anesibhozo ukuya kumashumi amane anesibhozo ubudala. Ngokwengxelo yamapolisa ephondweni amaxhoba ngunyana nonina abashiyeke bebhubhile.

Kuvakala ukuba le ngxabano iqale ngethuba umfana oneminyaka eyi-29 ubudala egwaze enye indoda kwindawo yentselo apho bebezonwabele ebusuku. Oku kukhokhelele ekubeni ahlaselwe liqela labantu elimbethe ngeentonga de wabhubha ngenxa yomonzakalo. Ukant ikudizwe ukuba unina wale ndoda oneminyaka eyi-57 obezama ukunqandela unyana wakhe udutyulwe wabhubha kwindawo yexhwayelo.

Isithethi samapolisa ephondweni uBrigadier Thembinkosi Kinana uthe amapolisa abizelwe kwindawo yesiganeko afika abamba abarhanelwa abalishumi ngokubulawa kwabantu ababini. UBragadier Kinana uthe kuvulwe amatyala amabini okubulala ukuze kuqhutywe uphando.

Kwesinye isiganeko esohlukileyo kutshiswe abafana ababini abaselula liqela labantu babhubha eBhityi kwiveki ezimbini ezidlulileyo. Amapolisa abambe abarhanelwa abane bavela enkundleni eBhityi ngoLwesine. Ityala limiselwe umhla we-13 kuTshazimpuzi. Basagcinwe eluvalelweni de babuyele enkundleni.

UMkomishinala wamapolisa ephondweni uLieutenant General Nomthetheli Mene uvakalise ukothuka nokukhathazeka yinto ebonakala ixhaphakile yokuthathelwa komthetho ezandleni liqela labantu watsho esithi kudala belumkisa abantu ngalo mkhuba kodwa izilumkiso zamapolisa zibethwa ngoyaba kuqhutywe zenziwe.

ULieutenant General Mene uthe kukho umthetho ekumele uhlonitshwe kweli phondo watsho esithi abenza okuba zojonganane ngalo yomthetho.