Zibanjwe izidlwengu zaseBhityi
7 March 2024 – Monwabisi Khininda
Indawo yaseBhityi, eMthatha, yindawo egutyungelwe kakhulu lulwaphulo mthetho olufana nokubulawa kwabantu, ubusela bemfuyo nokudlwengulwa kwamanina.
NgoLwesihlanu weveki ephelileyo malunga nentsimbi yesithathu emalanga, intombazana eneshumi elinesithoba leminyaka (19) yahlaselwa ngamadoda amathathu kwilali yaseMbhashe ngexesha isingise kwilali yaseNqwathi. La madoda mathathu amdlwengula etshintshana ngaye, abonelanga apho ukugqiba kwabo ukumdlwengula bamthatha bamsa kwikhaya lomnye wabarhanelwa nalapho bafika bambophelela baphinda bamdlwengula.
Uthe umrhanelwa lo ebemgcine ekhayeni lakhe esakuphuma ekuseni emshiya endlini wafumana ithuba lokubaleka. Wabaleka waya kuvula ityala ngoko nangoko kwisikhululo samapolisa saseBhityi, nathe awaphozisa maseko alanda emkhondweni, nalapho athe abamba amadoda amabini aphakathi kweminyaka engama-25 ukuya kuma 30 logama owesithathu umrhanelwa esagcwele amathafa.
IKomishinala yesithili sase-O.R Tambo uMajor General Pumzile Cetyana uwaqhwabele izandla amapolisa ngamendu ahambe ngawo ukuqinisekisa ukuba abarhanelwa bayabanjwa ukuze ixhoba lifumane ubulungisa. “Ukulwa nokuxhatshazwa kwamanina akugungqi kowuhlala kusiza kuqala,kufuneka sisebenzisane ukulwa nokuxhatshazwa kwabasetyhini nabantwana ngoba i-GBV lulwaphulo lwamalungelo amaxhoba,” utshilo uMkomishinala uCetyana. Abarhanelwa baza kuvela eNkundleni kungekudala ngezityholo zokudlwengula nokuxhwila.
