Elections 2024NewsPolitics

Kuthiwa kubonakala kujongwe kuRhulumente Wobumbane

06 Isilimela 2024 – Intatheli kaDizindaba

Iingcali kwezopolitiko zivakalise okokuba ngoku eli lo Mzantsi Afrika libonakala lijonge kuRhulumente Wobumbano emveni kokuba kungakhange kubonakale elona qela lihambe phambili kulonyulo.  Kuvakala okokuba kungokunje iye yabhentsa inyani yokuba iqela ebeliphethe uRhulumente kule minyaka ingama 30 indlulileyo, qela elo iyi ANC libethekile.   Kuthiwa bekulindeleke okokuba uKongolose lo abe phaya kwi 50% ngamanqaku ukuze aphinde azibone elelona qela linakho ukuphatha eli lizwe, koko iANC isuke yabonakalisa ilambatha.

Kungokunje onke la maqela ebengenele ukhuphiswano nabo bebe ngoo “Zimele” (Independent Candidate) azizinxada nxada kwi meko entsha yokuzama ukumiselwa ko Rhulumente Wobumbano.  La maqela noo “Mtuyedwa” kungokunje akwindibano nalapho ajongene nee ntsuku ezisixhenxe nalapha kulindeleke zaziswe iziphumo.  Lona iqela iANC kubonakala lizame lancama ukuphumelela olu lonyulo lilodwa kuba besele lihamba phaya koo 40%.

Abasemfuthweni wolwazi bavakalise okokuba oku kuthe kwenzeka ngolonyulo kudale amaqela abethathwe njengalawo alawulayo kukuba uluntu lubone kusenzeka ngokwee mfuno zalo.  Oku kubone kuqhambuka amaqela amatsha nathe athatha inkitha yabavoti kuloo maqela makhulu.  Kuthiwa ngoku kubonakala kuzakwenzeka izinto ngentando yabantu nalapho kuzakubonwa amaqela ezopolitiko edibane abonisane ngoRhulumente Wobumbano.

Aba basemfuthweni wolwazi bathi ngenxa yemfuno yabantu ngoku kubonakala kungakho uRhulumente Wobambisano Phakathi kwamaqela amabini nabonise ukuhamba phambili kumapondo onke.  Kuvakala okokuba la maqela kuthethwa ngawo yi ANC kunye ne Democratic Alliance nekuthenjwa okokuba uqhogwano lwawo luzakuheha abatyali zimali abaziwayo kumazwe aphesheya.  Kuvakala okokuba unkosi uDalibhunga (Nelson Mandela) wathi impumelelo yeli lizwe iyakubangelwa yinto ayibizwa ngokuba yi Rainbow nation nalapho iyakuba zintlanga zonke ezibandakanyekayo kulawulo.