Crime & SafetyNews

Bagwetyiwe ababulala umntu ngenxa yemali yeinshorensi 

15 EyeKhala (July) 2024 – 24 EyeKhala (July) 2024 – Monwabisi Khininda

Inkundla ephakamileyo ebihleli eNxuba (Cradock) igwebe abantu abane uZizipho Pani (34), umyeni wakhe uSiyathemba James (39), isizalwane nombulali uSinethemba Pani (34) noSizwesethu Jonas (34). Bebonke bagwetywe ubomi bethothoza emjiva baphinda babhaselwa ngeshumi elinesihlanu leminyaka (15) ngendima yabo ekugetyengweni kwesinqandamathe sowasetyhini abebemfake kwi-inshorensi kwanokuzama ukubulala elinina.

Ukanti ugxa wabo uMasixole Sokoyi (19) owayeselula ngoko ugwetywe iminyaka engama-25 ngokubulala,ukuzama ukubulala kunye nokudlwengula. Ngaphambi kwesiganeko abatshati babeqeshe ixhoba elalihlala kwisitalato esinye nabo kwilali iLingelihle eNxuba. Ungqondo-ngqondo kweli yelenqe uZizipho Pani kuvakala ukuba wafaka ixhoba kwi-inshorensi yaseStandard Bank nase-Absa Bank ngo-2021, eyayizobhatala i-R200 000 lakubhubha ixhoba. Ngesithembiso sokuhlawulwa i-R50 000 waqesha umbulali azogwinta ixhoba elalihlala neqabane lalo.

Ubungqina benkundla budiza ukuba ngomhla we-10 kuOktobha 2022 la madoda aya endlini yexhoba afika ankqonkqoza njengoko babesaziwa. Bagwaza esi sibini ngamaphanga neemela. Ukanti uSokoyi wadlwengula ixhoba elalibhontibhonti ligazi baze babashiya beqinisekile ukuba babhubhile. Kodwa eli xhoba lakwazi ukuchwechwa liyongena ebumelwaneni kwabizwa inqwelo yabaguli indoda yona yasweleka ngoko nangoko. Lo wasetyhini wakwazi ukuchaza amagama abahlaseli ababephele emehlweni.

Kudizwa ukuba uZizipho Pani nomyeni wakhe basa ababulali kwisangoma eCookhouse. Bababnjwa ngabahlali basindiswa ngamapolisa abahlali befuna ukubagqithisa amafu. Omnye wabo wajika walingqina lombuso wavuma waze watyabeka abatshati ngesi siganeko.

ULuxolo Tyali othethela i-NPA eMpuma Kapa uthi bazoqinisekisa ukuba ababulala ngenxa yokufuna ukuzuza kwi-inshorensi bayagwetywa kwaye lo mkhuba udonculwa neengcambu. Ewisa isigwebo uJaji Nozuko Mviko uvumelene noMtshutshisi u-Advocate Mgenge ukuba lo mkhuba wokugwintwa kwabantu ngenxa yemali ye-inshorensi uphuncuke ezandleni ephondweni nakuzwelonke.