Arts & CultureNews

Baxhamle abafumene abantwana ngosuku luka Mandela

25 EyeKhala (July) 2024 – 31 EyeKhala (July) 2024 – Yonela Mpaka

Ngcobo

Umasipala wase Dr AB Xuma utyelele kwisibhedlele sase All Saints uyonikeza ngempahla nezipho kwabo bebefumene abantwana ngosuku lokuzalwa kuka Tata uNelson Mandela. Oku kwenziwe egameni lokubhiyozela intsuku ezilishumi elinesithandathu zika Madiba .Ukuqhuba kolusuku kuthethe lukhulu kwabo bafumane abantwana.

Othe waxhamla u Sinazo Guma welali yase Quthubeni ukuvuyele ukufumana ezizipho esithi ebengayazi uyakudibanisa ntoni nantoni kuba engenamali, uziphilela ngemali yesibonelelo sikagogo wakhe, uthi kwabo bacinge lomsebenzi mhle kangaka baqhube benceda abantu. Isibhedlele sase Allsaints seso sithwala abantu abasuka kwilali ezininzi zase Ngcobo. Igqiza elisuka kuMasipala iDr AB Xuma lithe lashiya umyalezo kwabo babanike izipho.UMbongeni Tyhantsi womasipala udlulise amazwi esithi bazopha abantwana kuba kungumsebenzi wabo ukuncedisana nabantu nokuba bakwesiphi isimo.

“Sithi bakhulise abantwana kakuhle bazonwabele ezizipho sibanike zona balukhumbule usuku luka tata uMandela kuba lubalulekile kwimpilo zethu sonke kungoko sithe masenze lembali engenakucima nakubantwana abasazalwayo,“ utshilo uTyantsi. Abakwiqoqo lesikhokhelo kwisibhedlele iAllsaints bawenzile umbulelo ongazenzisiyo kweligqiza lika masipala.