LocalNewsSocial Development

I-Ofisi yakwaSASSA ivula kwangethuba ukuze ijongane “nokuthontelana okuphezulu” kwabasebenzisi benkonzo

13 EyoMbumba (Feb) 2025 – 26 EyoMbumba (Feb) 2025

Intatheli: Marecia Damons

Umsebenzi wasekuhlaleni uthi ulala ngaphandle kweofisi ukuze akhusele abantu abadala okanye abakhubazekileyo indawo

  • Abasebenzi bakwa-SASSA eBellville bavula iingcango zabo kwangethuba ukuze bajongane namanani aphezulu abantu abeza eofisini yonke imihla.
  • Iofisi iphakathi kwezona zixakekileyo kumasipala ombaxa.
  • Ngaphandle kwenkqubo yolawulo lwemigca ephuculweyo, abanye abaxhamli basalala ngaphandle kwe-ofisi ukuze bakhusele indawo yabo ngaphambili emgceni.
  • Isithethi sakwa-SASSA eNtshona Koloni uShivani Wahab uthe iziko lenkonzo elongezelelweyo licwangciselwe i-Fisantekraal, eliya kukwazi ukuthatha abanye babaxumi lisebenzisa i-ofisi yaseBellville.

Abasebenzi be-Arhente yoKhuseleko lwezeNtlalo yoMzantsi Afrika (SASSA) eBellville baqale ukuvula iingcango zabo kwangethuba ukuze bajongane namanani aphezulu abantu abeza kufuna uncedo e-ofisini.

Ngaphandle kwemvula yakusasa ngoLwesithathu, umhla wesi-5 kweyoMdumba, abantu abangaphezu kwe-100 bebesele bemi ngaphandle kwe-ofisi phambi kwentsimbi yesithandathu kusasa. Iingcango zavulwa malunga nemizuzu eyi-15 kamva.

Iiyure zokusebenza ezisemthethweni zakwa-SASSA ziqala ngo-7:30 kusasa ukuya ku-4pm. Abasebenzi baseBellville ngoku bavula iingcango zabo kubaxhamli nge-6:30am ukuze balawule kakuhle amanani amakhulu. NgoLwesibini nangooLwezithathu, iofisi ijongana nemibuzo enxulumene nesibonelelo sokukhubazeka, ngokubanzi ezona ntsuku zixakekileyo zakwa-SASSA.

Isithethi sakwaSASSA eNtshona Koloni uShivani Wahab uxelele iGroundUp ukuba i-ofisi yaseBellville iphakathi kwezona zixakeke kakhulu kumasipala ombaxa, ethatha abantu abaninzi mihla le.

Ukulawula imigca emide, iofisi iphumeze amanyathelo amatsha, kubandakanya neeyure zokusebenza zangaphambili, utshilo uWahab.

Le ntatheli ikwabone ukuba abasebenzi bohlule abaxhamli ngokwemigca emihlanu: abo baqeshwayo, bengaqeshwanga, iileta zokuthunyelwa, kunye nomgca wokubuza ngokubanzi. Abaxhamli abanemihla yokuqeshwa babekwe phambili.

Ekupheleni kosuku lwangoLwesithathu, uWahab uthe isebe laseBellville lincede abaxhamli abangama-286.

Ngaphandle kwenkqubo ephuculweyo, sisafumana abantu abaninzi ababelele ngaphandle kweofisi kunye nabanye abaninzi abaye bangena emgceni kwangethuba ukuze baqinisekise indawo yabo.

Umxhamli obuyayo uAbigail Scheepers ovela kuBishop Lavis walala emgceni ukuze afake isicelo sesibonelelo sokukhubazeka. Ebekwigranti kwiminyaka esibhozo eyadlulayo phambi kokuba abuyele emsebenzini. Andisakwazi ukusebenza ngenxa ye-arthritis kunye neengxaki zomqolo wam. Ndisentlungwini ezininzi kwaye ndisebenzisa amayeza amaninzi, ”utshilo.

UScheepers weza necamping chair kunye nengubo yoboya begusha. “Ayilunganga, kodwa kukuzincama ekufuneka sikwenzile,” utshilo.

Umsebenzi wasekuhlaleni uMary-Ann Petersen ungene emgceni ngentsimbi ye-10 ebusuku ukuze abambe indawo yabafaki-zicelo besibonelelo sokukhubazeka abangazange babe ngaphandle kubanda ngobusuku obunye. “Ukufika kwam apha, sele kukho abantu abangaphezu kwama-50 abalele emgceni,” utshilo. Ngamanye amaxesha uqala ukufolela ngosuku olulandelayo ukusukela ngexesha i-ofisi ivala ngalo.

UPetersen uthe ukunqongophala kwamaziko afumanekayo ngobusuku kuyawongeza umzabalazo. “Abantu abazithathi iipilisi zabo kuba ukuba basela amanzi, kuya kufuneka bahlawule i-R5 ukuze basebenzise igumbi lokuhlambela egaraji,” utshilo.

UPetersen ebebambele uChristine Jacobs waseDelft, nofike ngentsimbi yesithandathu kusasa. “Ukuba ebengayenzanga loo nto, ngekwafuneka ndilale apha nam,” ucacise watsho uJacobs.

UJacobs wayekho ukuze aphinde afake isicelo senkam-nkam yokukhubazeka aze enze nesicelo senkxaso-mali yoncedo kumyeni wakhe, owahlaselwa sistrowuku kwiminyaka emihlanu eyadlulayo.

U-Wahab uthe i-SASSA isebenza ekwandiseni iindawo zayo zenkonzo ukuze inciphise ngakumbi ingxinano, ngeziko elitsha lenkonzo elicwangciselwe i-Fisantekraal.