LocalSports

IMpuma Koloni izakumelwa yisophakama Ladies yaseGqeberha kwimidlalo kazwelonke yeSasol league

29 EyeThupha (Aug) 2024 – 11 EyoMsintsi (Sept) 2024 

Anele Raziya

Iqela laseNtabankulu kwingingqi yaseAlfred Nzo, iExecutive Ladies FC, iphoswe lithuba lokuyomela iphondo laseMpuma Koloni kwimidlalo kazwelonke yeSasol league promotion play-offs.

Kulandela emva kokuba iExecutive Ladies iye yabethwa liqela laseGqeberha, iSophakama Ladies FC kumdlalo obalulekiyo weSasol league decider game ububanjwe ngale mpela veki siphuma kuyo.

Omabini lamaqela afike kulo mdlalo wangempela veki emva kokuba eqhube kakuhle kule sizini.

ISophakama Ladies FC iphethe isizini kwiSasol League Coastal Stream ihleli phezulu kuluhlu lwamaqela ibikhuphisana nawo kwaye ingakhange ibethwe nakumdlalo omnye.

Kungokunjalo nakwiExecutive Ladies iye yafinca isizini ihleli phezulu kuluhlu lwamaqela ibikhuphisana nawo  kwiSasol League Inland Stream kwaye ingakhange ibethwe.

Lo nto iye yathetha ukuthi qela ngalinye kwiStream salo belizintshatsheli kulana mabini kwaye lonto iye yenza ukuba ahlangane omabini kumdlalo wokuhluza elona qela elizakuba ziintshatsheli zeSasol league eMpuma Koloni.

Kulapho iqela laseNtabankulu liye lohlulakala khona emva kokuba libethwe ngo2-1 yiSophakama Ladies yaseQheberha kumdlalo ububanjelwe e Lady Frere stadium ngeCawe.

Ezi ziphumo zithetha ukuthi iintshatsheli zaseMpuma Koloni kwiSasol league yiSophakama Ladies FC kwaye yiyo ezakuya eKapa iyokumela iphondo kwimidlalo kazwelonke yeSasol league promotion play-offs ezakubanjwa kungekudala.

I-Executive Ladies FC ibethwa okwesibini kwesi sigaba sokhuphiswano emva kokuba yabethwa yi University of Fort Hare FC kwisizini edlulileyo lonto yachaza ukuba ayizoya eBloemfontein apho kwakudlalelwa khona imidlalo kazwelonke yeSasol league promotion play-offs.