LocalNewsSports

Ababadlali bathathwa ngamaqela adlala kwiPSL

02 EyeDwarha (Oct) 2024

Anele Raziya

AmaMpondo Sport Foundation isebenza ngokuzinikela ngenzame zokuncedisa ulutsha olunqwenela ukuphuhlisa italente yalo kwibhola ekhatywayo uqala ezikolweni ukuya ekuhlaleni.

Kulandela emva kokuba AmaMpondo Sport Foundation kulindeleke ukuba asindleke itumente yebhola ekhatywayo nalapho izikolo namaqela asekuhlaleni ezokhuphisana ngenjongo zokufumana imbaso eliphambili.

Injongo zale midlalo kususa ulutsha kwiziyobisi kunye nonika ithuba abadlali abasakhulayo ukuba babonwe ngamaqela adlala kwiPremier Soccer League.

Amaqela avumelekileyo ukuba athathe abeyinxalenye yale tumente ngalawo abo abeneminyaka eqala kwishumi elinesithathu (U/13), ishumi elinesithandathu (U/16) kunye namashumi amabini ananye (U/21).

 

Imidlalo iza kubanjelwa kumabala waseNew Rest eLusikisiki uqala ngoLwesithathu wale veki uyokuma ngoMgqibelo umhla wamashumi amabini anesibhozo (28 September).

Omnye waba ququzeleli bale midlalo, uZukiswa Ngundze uthe beyiFoundation bameme onke amaqela wePremier Soccer League kunye namaziko ajongene nokuphuhlisa abadlali abasakhulayo (football academies) ukuba babeyinxalenye yale tumente.

“Siwamemile amaqela wePSL neAcademies kwaye bathe bayeza bonke. Kunyaka ophelileyo sasibamemile beza kwaye bafika bachonga abadlali abaninzi abancinci bemka nabo kwaye silindele benze njalo nakweli ityeli,” kutsho uNgundze.

Oka Ngundze uye wabonisa abanye eliphephandaba abanye babadlali abathathwa yiMamelodi Sundowns, Kaizer Chiefs, Orlando Pirates, SuperSport United, TS Galaxy namanye amaqela.

Uthe injongo zale tumente yabo bayimba rhoqo ngonyaka zezokuba bafuna uncedisa kuphuhliso lwezemidlalo kwindawo yaseLusikisiki kwaye bafuna ususa ulutsha kwizinto ezigwenxa ezifana nokusebenzisa iziyobisi nolwaphulomthetho.

Uqhube wathi ngamaqela ayi76 abhalisileyo ukuba azokuthatha inxaxheba kwitumente yabo kwaye aphuma kwindawo ezahlukeneyo eMpuma Koloni kukho nezikolo phakathi kwawo njengoko itumente beyibiza “School Boys Soccer tournament”.

Amaqela aza kuwongwa njenge ntshatsheli kulindeleke ukuba agoduke nekiti entsha kraca, ibhola ezine, imbasa zeegolide kunye nendebe enkulu.

Aphume kwindawo yesibini azakufumana ikiti entsha kraca, imbasa zesilivere, ibhola ezine kunye nendebe.

Aphume kwindawo yesithathu azakugoduka neBronze medal, kiti, ibhola ezintathu kunye nendebe.

AmaMpondo Sport Foundation azakuba eyisindleka okwesihlanu le tumente yawo kwaye alindele ukuba abahlali baphume ngobuninzi uzokuyinika inxaso.