News

Iyaphuculwa Idolophu  yase Lady Frere 

02 EyeDwarha (Oct) 2020 

Yonela Mpaka

Umasipala wase Emalahleni phantsi kwedolophu yase Lady Frere uqhuba iphulo lokulungisa indlela nokuqinisekisa ukuba umbane ufikeleleka kuye wonke umntu. Eli phulo liqhutywa emva kokuba bekhe kwangenelelwa kugqogqwa abo baqhuba bethengisa izinto eziphelelwe lixesha. Lo msebenzi uqhutywa ngabo bangamagosa ajongene ngqo noku.

OnguSodolophu kulomasipala umama uNtombizanele Koni uthi baqhuba lamaphulo okusa inkonzo ebantwini kuba babeka abantu phambili, uthi ngoku bafuna iukuqinisekisa ukuba wonke umntu uyawuxhamla umbane ngaphandle kocimi cimi.esithi bafuna noqinisekisa ukuba indlela ezisetyenziswayo zisemgangathweni imoto zabantu azihambi zibetheka.

Eli phulo libenze banomdla nabanye abantu bancedisa. Obencedisa kulo msebenzi uAnele Mkhondo uthi bawenza lomsebenzi   kuba bafuna izinto ezenziwayo babenegalelo kuzo kuba zinceda kwabona bengabahlali. “Siyambulela umasipala ngokumane ephucula inkonzo owethu umsebenzi kukuzinakekela izinto esizenzelwayo, siwenza umbulelo ongazenzisiyo kumasipala nakumagosa asincedayo xasikhala,” utshilo u Mkhondo. Lo masipala usaqhuba  nokuqinisekisa ukuba inkonzo zikarhulumente ziya ngendlela efanelekileyo ebantwini.