Crime & SafetyNews

Ingaphaya kwezitshixo indoda eyabulala abantu eNgobozana

24 EyeDwarha (Oct) 2024 – 07 EyeNkanga (Nov) 2024

Monwabisi Khininda

USiphosoxolo Myekethe (45) ujongene nezityholo zokubulala abantu abalishumi elinesibhozo eNgobozana, eLusikisiki. Uluntu lwaseNgobozana eLusikisiki linethemba lobulungisa emva kokuvela eNkundleni yamatyala eLusikisiki umrhanelwa kwityala lokubulawa kweshumi elinesibhozo labantu. Abahlali baseNgobozana abalali buhlayo besoyikisela ubom babo, bezibuza umbuzo othi “ngubani olandelayo?”

Ngokwengxelo ekhutshwe nguLuxolo Tyali weGunyabantu leZotshutshiso kuZwelonke (NPA) bazakusiphikisa isicelo sebheyile sikaSiphosoxolo azakuthi asifake xa evela kwakhona kutsha nje. “ Le ndoda ijongene namatyala alishumi elinesibhozo okubulala ngolunya kuquka nelokuba nompu ongenamaphepha mvume.Le ndoda ingaphandle ngengqawule nalapho yayikhe yagwetyelwa ukubulala ngaphambile, inaso nesinye isigwebo awakhe wanaso esokuqhwesha eziseleni,” kutsho uLuxolo Tyali eveza izizathu ezikhokhelela kwisigqibo se-NPA sokukhaba isicelo sebheyile.