Crime & SafetyLocalNews

Amapolisa aphanda ngokufa kwabantu abathandathu

30 EyoMqungu (Jan) 2025 – 12 EyoMbumba (Feb) 2025

Intatheli: Monwabisi Khininda

Amapolisa avule idokethe lokuphanda amatyala emva kwesiganeko esisube ubomi bowasetyhini nabantwana abahlanu. Ngokwengxelo yamapolisa esi sehlo senzeke kwilali yaseKhuba ngaphandle kwedolophu yaseFlagstaff ngoLwesihlanu weveki esisuka kuyo.

Ngokweenkcukacha kutyholwa ukuba owasetyhini oneminyaka engama-27 ubudala kunye nabantwana abahlanu abaphakathi kweminyaka emini ukuya kwishumi elinesibini ubudala bebelele kwikhaya labo ngethuba befunyenwe itshoba lilele umbethe.

Akukho nto ikrokrelwayo ukuba bagetyengiwe.Nangona kunjalo uphando lwamapolisa luyaqhubeka.

Â