CommunityEntertainment

UMikhulu uyonqandwa ziinkwenkwezi kwezonobuhle

NguMonwabisi Khininda

UMikhulu Gijana (12) ngunobuhle  onesisa nentliziyo entle.Zezompawu kanye ezimbeke kumagqibelela kanqoyi kukhuphiswano loonobuhle kuzwelonke iMiss Golden  Heart 2025.UMikhulu ngumfundi webakala lesithandathu (grade 6) kwisikolo iModel Private School eMthatha. UMikhulu uthi ufuna ukunyathela ekhondweni likaZozibini Tunzi owaphumelela ukhuphiswano lukaMiss South Africa phambi kokuba aphumelele ukhuphiswano lukaMiss Universe.“UZozibini waphembelela ekhuthaza abantu abaninzi kuquka nam xa wayesithi wonke umntu makazithande azamkele indlela adalwe ngayo.Leyo yeyona nto ebalulekileyo kwihlabathi esiphila kulo.Ngonyaka ka 2024 waphuma kwindawo yesibini  kwikhuphisano  iLittle Miss Diamond Eastern Cape.Kolokhuphiswano waphumelela iwonga likaMiss Photogenic newonga iDirectors’Choice. 

UMikhulu ozalelwe eNorth Crest eMthatha uthi ukuthabatha kwakhe inxaxheba koonobuhle kumenze wazithemba kwinto yonke ayenzayo.Nokuthatha esidlangalaleni ukubone iyinto elula kakhulu.Uthi uyazithemba ukuba naye ngenye imini uza kuba ngumzekelo kwamanya amantombazana asakhulayo.UMikhulu ungumdanisi onekamva eliqaqambileyo,uthabatha inxaxheba kumdlalo wokuqubha ekwangumdlali wenetball.Uthi ufuna ukufundela izifundo zokusebenza ngengqondo (cardiologist).

UMikhulu uthi uzimisele ukulandela emanyathelweni kaZozibini Tunzi ngokuqala aphumelele ukhuphiswano iMiss Golden Heart S.A ngomhla we-4 kuOktobha 2025 eMonti. “Ukuba ndibekumanqam olukhuphiswano luthetha lukhulu empilweni yam.Ngenxa yokuzithemba endinako ngeke ndothuke xa ndinokuphuma phambili kolukhuphiswano kuba yeyona nto endijonge kuyo leyo,”uMikhulu uxelele intatheli yeDiz’indaba.Ukuthabatha kwam inxaxheba kumakhuphiswano oonobuhle akuziphazamisi izifundo zam.Ngenxa yenkxaso kamama wam yonke into endiyenzayo ndiyibekela ixesha layo.UMikhulu onentliziyo entle ngemali ayiphumelele kumakhuphiswano angaphambili ukwazile unikezele ngomakufanwe wabafundi nezishubelisi zamantombazana kwisikolo iNgqwangi Junior Secondary School kwilali iMisty Mount ekwidolophu yaseLibode apho umama wakhe azalelwe khona.Waphinda waphisa ngeencwadi zokufunda kwinkulisa iMisty Mount Pre-School.Kwikhaya labantwana abangenabazali iThembelihle Children’s Home eNorth Crest wenza isipho seengubo,iimpahla zokunxiba nezihlangu.Kulonyaka uye waqhubela itheko lokukhumbula umhla wakhe wokuzalwa kweli khaya.

UMikhulu ungamvotela ngokuthi ungene ku=https://pegeantvoteafrica-com/pageant/1610/contestants/16071#-Look for Miss Golden Heart.

UMFANEKISO: UMikhulu Gijana uzimisele ukuthwala isithsaba sikaMiss Golden Herat S.A 2025.