News

Uyanconywa luluntu umphathiswa wezombane ngomsebenzi nee nenzame zakhe

30 EyoMqungu (Jan) 2025 – 12 EyoMbumba (Feb) 2025

Intatheli kaDizindaba

Abemi base Mzantsi Afrika kumaphondo onke eli bavakalise ukumncoma uMphathiswa Wezombane, 

umnumzana Kgosientsho Ramakgopa ngokuqinisekisa okokuba u “Cimi Cimi” wombane akasabonakali.  

Kuthiwa zintsuku ezingama-300 ezilandelelanayo  engasaveli lo “Cimi Cimi” nobenegalelo elikhulu ekuchapazeleni ezoqoqosho kweli lizwe. 

Kuvakala okokuba oku kucima cima kombane kuye kwaba negalelo ekufundeni kwabantwana nakulonwabo 

nje jikelele.Kuvakala okokuba lo Mphathiswa uthandwa kakhulu ngabemi beli uphinde wavakalise into yokucuthwa 

kombane kwii ndawo ezithile kumaphondo onke yinto ayilwayo.   Lo ka Ramakgopa uhambise wathi:  

“Enye yezinto ezithe zavakala zindihlupha kukuthi abo basokolayo bafumane umbane ongabonelisiyo.  

Kwakhona mna nequmru elindincedisayo sizana iindlela ngeendlela ukuqinisekisa okokuba ooMasipala nabo kwelabo icala bayasebenzisana neenzame zethu.  

Khona ngoku sifuna iqhubeke iphuculwa imeko yabo bamana bewuphiwa umbane.  Sizamela okokuba kungabikho ziphene ngeziphene kwi nkqubo yabo yokuphiwa umbane koko ukuba sinako wande lo mbane wabo,” utshilo.