Umasipala wesithili i-Amathole ukhangele icebo lokhawulelana nemimbombo ehambisa amanzi engqambukileyo kwindawo ezifana naseMnquma, Ngqushwa, Raymond Mhlaba kunye naseGreat Kei.
Umasipala wesithili i-Amathole ukhangele icebo lokhawulelana nemimbombo ehambisa amanzi engqambukileyo kwindawo ezifana naseMnquma, Ngqushwa, Raymond Mhlaba kunye naseGreat Kei.
Kwiveki ephelileyo uSodolophu waseAmathole, uAnele Ntsangani ekunye nooceba ebebephuma koomasipala abafana naseGreat Kei, Raymond Mhlaba, Mnquma naseNgqushwa baye badibana eMonti nalapho bekunikezelwa khona ngooGanda-Ganda abahlanu abatsha kraca abazakusetyenziswa xa kulungiswa imimbombo engqambukileyo ingakumbi ekwindawo ezinxinene ngamatye.
AbaGanda-Ganda bathengwe ngumasipala iAmathole kwaye bazakuhlala kwi ofisi zalo masipala ezinze eMnquma, Raymond Mhlaba, Great Kei naseNgqushwa.
Ethetha kulo msitho wokunikezela uSodolophu uNtsangani uthe iAmathole inemimbombo engango mgamo ozikhilomitha eziyi7000KM esoloko idinga ukucikwa amanzi avuzayo ngenxa yokuguga kwayo.
Uthe aba Ganda-Ganda bathengiweyo umsebenzi wabo kukuqinisekisa ukuba wonke umbombo ovuzayo uyacikwa kwangexesha ukuze amanzi ahlale elodoloziwe.
Uqhube wathi kunyaka mali ophelileyo baye bathengela neofisi yabo eseMbhashe kuba befuna uqinisa iphulo labo lokulondoloza amanzi ingakumbi ezilokishini nasezilalini liqhuba kakuhle.
Kwixesha elidlulileyo ibifudula iyeyona ngxaki enkulu into yokusoloko kuvuza iimimbombo yamanzi ingakumbi eMnquma.
Kangangokuba ilokishi ezifana neyaseCuba, Bika, Msobomvu, Zazulwana, Zizamele kunye nezinye indawo bezisoloko zingamaxhoba wokuvalelwa amanzi ngenxa yokuba kusoloko kulungiswa imimbombo evuzayo ngabasebenzi baseAmathole.
Kodwa emveni kwelinyathelo lika masipala waseAmathole lokuhlangabezana neemimbombo engqambukileyo kukhangeleka luzabakhona utshintsho olukhulu.
Kangangokuba umasipala usoloko ehlaba ikhwelo kubahlali ukuba bachaze abo bonakalisa iziseko zakhe zokugcina nokuhambisa amanzi emapoliseni kuba lomkhwa wokonakaliswa kwazo ubukhe wathanda undlanga ingakumbi kwindawo yaseMbhashe.
Usodolophu waseGreat Kei uNgenisile Tekile uvakalise uyibulela inkxaso ebonakaliswa ngumasipala waseAmathole kuluntu. Omnye woGanda-Ganda abathengwe ngumasipala waseAmathole.


