Crime & Safety

Ookhansela babanjelwe ubuqhophololo

Yintatheli yeKhwezi

Amalungu amabini ekomiti kaSodolophu (MMCs) kumasipala waseMalahleni abanjiwe ngezityholo zorhwaphilizo. Esi sibini sineminyaka engama-54 nama-55 ubudala, sibanjwe licandelo loPhando lobuqhophololo oluzinze eMiddelburg kwidama laseWitbank emva kwezityholo zokwamkela isinyobo se-R20 000. Le ntlawulo kukholelwa ukuba inyinxalenye ye-R500,000.00 efunwayo ukuze kwandiswe isivumelwano sokuqeshisa. Ngokutsho kwabasemegunyeni intlawulo yangoLwesithathu engema R20,000 ilandela intengiselwano yangaphambili ye-R40,000 eyenziwe ngoFebruwari 2025. Imali yesinyobo kuxelwe ukuba yahlulwe ngokulinganayo phakathi kwaba barhanelwa babini. Amapolisa selefumene i-R20,000 kwaye athimba iimoto ezimbini zodidi oluphezulu ekutyholwa ukuba zisetyenziswe ngethuba kusenziwa olu lwaphulo mthetho. Abamangalelwa kulindeleke ukuba bavele kwinkundla kaMantyi yeseMalahleni kuleveki.