Sports

Amaqela ebola adlala kwiSasol league.

Ngu Anele Raziya 

Amaqela aseMpuma Koloni adlala kwiSasol league asaqhubeka namalunguselelo esizini yawo entsha nangona engekayazi ukuba iza kuqala nini. 

Ngokwengxelo, isizini yeSasol league ka2025 kwakumele ukuba iqale ekupheleni kukaMatshi kulo nyaka, kodwa yaye yamiswa imidlalo imiselwa umhla wesithoba (9) kwinyanga April.

Isizathu sokumiswa kwale midlalo silandela isikhalazo esafakwa ngamaqela adlala kweli nqanaba le Sasol league nalapho ayekhalaza esithi khange ahlawulwe iinyanga ezithile imali yawo yesibonelelo (grant money) ngumbutho webhola ekhatywayo weli, iSouth African Football Association, iSAFA ngafumafutshane. 

Esinye isikhalazo athi lamaqela awakafumani nalo mabhaso wawo athi awaphumelela kwisizini edlulileyo. 

Iyonke lomicelimngeni ibangela ukuba kubenzima kuwo amaqela weSasol leagur ukuba aqale isizini kungekho sisombululo kwezingxaki ajongene nazo.

Amanye amaqela avakalise ukuba kunzima nokuba aqashe iimoto ukuba zikhwelise aabadlali emabaleni ngenxa yokuba awanamali kwaye enze namatyala kwisizini ephelileyo. 

Kangangokuba ngoku alinde iSAFA ibhatale imali yesibonelelo kuwo zizokutsho izinto zibuyele esiqhelweni emidlalweni. 

Kumyalezo omfutshane (msg) owabhalwa yiSAFA kwiveki ezimbalwa ezidlulileyo iwuthumela kumaqela, uchaza ukuba imidlalo yeSasol league yesizini entsha isamisiwe kude kufumaneke isisombululo kule micelimngeni iphakanyiswe ngamaqela weli nqanaba.

Nangona kunjalo amaqela afana neExecutive Ladies yaseNtabankulu kwingingqi yaseAlfred Nzo, Ayakha Stars FC eMthatha, Eastern Cape Peace Lovers FC yaseNgcobo kunye neThunderbirds Ladies yaseGcuwa namanye awemanga asaqhuba nakulungiselela isizini entsha. 

Okwangoku akukabikho lizwi eliphuma kwiSAFA elichazayo ukuba lebhola yamanina iza kuqalisa nini ukudlalwa. 

Nakumanye amaphondo kuyavakala ukuba imidlalo isamisiwe ngenxa yezikhalazo ezifanayo ezichazwe ngamaqela adlala kwiSasol league.

Amaqela adlala kwiSasol league sele ezigcina ngokumane ethatha inxaxheba kwitumente zasekuhlaleni ukugcina abadlali bedlala kunokuba bahlale nje bengenzinto belindile.Â