Imidlalo yendebe kaSodolophu
Ngu Anele Raziya –
Oko kuqale inyanga uMeyi, ulutsha lwaseMbhashe luye laqokelelwa lanikwa ithuba lokuba likhuphisane kwimidlalo entlobo-ntlobo efana nebhola ekhatywayo, ibhola yomnyazi (netball) kunye neVolley ball.
Injongo zale midlalo zezosusa ulutsha lwaseMbhashe kwiziyobisi nakwindawo zotywala kunye nokuphuhlisa ezimidlalo ingakumbi kwezindawo zizilali.
Le midlalo iququzelelwa yiOfisi kaSodolophu waseMbhashe eDutywa, uSamkelo Janda.
Kwaye zonke ilali kunye neelokishi ezingaphantsi kwaseMbhashe zifakiwe ukuba zithathe inxaxheba kule midlalo ibizwa ngokuba yiMayors Cup.
Ebutsheni bale nyanga ngomhla wesithathu, imidlalo ibibanjelwe kuGatyana kumabala abizwa ngokuba kuseBobeni.
Wonke amaqela wasekuhlelni webhola ekhatywayo, awebhola yomnyazi ne Volleyball ebebiziwe ukuba abeyinxalenye yale tumente kwaye ulutsha beliphume ngobuninzi.
Amaqela aqhube kakuhle kuyo yonke imidlalo aye axelelwa ukuba azakugqithela kumjilelo olandelayo apho kuzodibana oompondo zihlanjiwe bodwa abawine kuGatyana, eXhorha naseDutywa.
Kule mpelaveki siphuma kuyo kuye kwanikwa ithuba amaqela waseXhorha ukuba akhuphisane odwa kwimidlalo ibibanjelwe kwibala iMatshamba kwaphayana eXhorha.
Ukanti kulena impelaveki siya kuyo ngoMgqibelo kuzobanjwa umjikelo wokugqibelo nalapho amaqela waseDutywa azakuba esivana amandla kwibala laseDutywa cebu kuhle nedolophu leyo.
Onke lomaqela aqhube kakuhle kule mijikelo mithathu azakuya kwimindlalo kamagqibela kankqoyi ezakubanjelwe eDutywa stadium ngomhla wesixhenxe kwinyanga ezayo (6 June).
Lowo msitho uzakube umkhulu kangokuba uSodolophu waseMbhashe uSamkelo Janda uzakuzimasa nesigqeba sakhe kwaye kuzabakhona namanye amasebe waseburhulumente afana nenkonzo yesipolisa uzokuxhobisa ulutsha ngeezenzo zolwaphulo mthetho.
Kunyaka ophelileyo kwakubizwa nabasasazi kwisikhululo soMhlobo Wenene FM.
Injongo zalo msitho kususe ulutsha kwiziyobisa kwaye luxhotyiswe ngezento ekumele lingazenzi ebomini ukuze lubenekamva eliqaqambieyo.
Izigumbha zamabhaso zizakube zikhona kumaqela aqhube kaluhle njengo nyaka ophelileyo apho amaqela agoduka neekiti zokudlala kunye neezixhobo zemidlalo zokuziqeqesha.
Iimifanekiso (Photo Caption) ngexesha bekuqhuba imidlalo yendebe kaSodolophu kumjikelo wokuqala kuGatyana.




