Isebe lezeMidlalo lifuna imidlalo ezikolweni nasekuhlaleni ukulwa nolwaphulo-mthetho.
Oku kuvele ngexesha uMphathiswa weli Sebe, uSibulele Ngongo ebezimase imidlalo yamagqibela kankqoyi yendebe kaSodolophu waseMbhashe (Mayor’s Cup) kwibala lakuGatyana ngempelaveki esisuka kuyo.
Amaqela waseMbhashe nabephuma kwiiWadi ezahlukeneyo ebekhuphisana kwimidlalo entlobo-ntlobo equka ibhola ekhatywayo yamadoda nabasetyhini, ibhola yomnyazi (netball), volleyball, ibhola yombhoxo neHandBall.
UMphathiswa uNgongo ebelapho kuGatyana ebukele ulutsha lukhuphisana kulo midlalo iye yatsala umdla kakhulu kuluntu njengoko ibala i’Willowvale Sports Field’ ibigcwele iphuphuma ngabahlali ebebezokuxhasa itumente.
Ethetha nolutsha kunye nabahlali, uNgongo uthe imidlalo kufuneka iqale kwiiWadi nasezikolweni, kwaye ulutsha malinikwe inkxaso eyaneleyo emidlalweni.
“Urhulumente ukhuthaza into yokuba imidlalo mayiqale ekuhlaleni kwiWadi, inyuke iyokutsho ezikolweni,” kutsho uNgongo.
Uqhube wathi xa imidlalo isindlekwa rhoqo ekuhlaleni nasezikolweni, lonto iye incedise kwicala lokugcina ulutsha luxakekile, lungafumani ixesha leziyobisi nokwenza ulwaphulomthetho.
Uthe bengurhulumente bayixhasa kakhulu imisitho efana nokuququzelelwa kwetumente yeNdebe kaSodolophu, kuba iyanceda ukunika abantwana ithuba lokuba babonakalise iitalente zabo kwimidlalo entlobo-ntlobo kwaye bahambele kude nakwiziyobisi nolwaphulomthetho.
Uvalelise ngelithi eli sebe bona banoxaduva lokurhweba abachongi (scouters) kumaqela akumngangatho ophezulu xa bebona loo mdlali unetalente kuloo mdlalo uthile.
USodolophu waseMbhashe, uSamkelo Janda, uye wabulela uMphathiswa uNgongo nabahlali ngokuxhasa itumente, kwaye wathi benguMasipala bazakuqhubeka beqinisekisa ukuba badlala indima ebalulekileyo kwicala lokuphuhlisa imidlalo kuzo zonke iindawo zaseMbhashe.
“Ngale midlalo yendebe kaSodolophu sifuna unika ithuba ulutsha ukuba lubonakalise italente elinayo kwimidlalo entlobo-ntlobo,” kutsho uJanda.
Uthe bengumasipala bazakuqhubeka nokuxhasa imidlalo eMbhashe ngenzame zokuphuhlisa nokugcina abantwana bekude neziyobisi nolwaphulomthetho.



