Justice for Sihle Shweni
Uhlatywe ngobencuma naye wasweleka obexelenga kwisibhedle i Allsaints
Abasebenzi basesibhedlele i Allsaints eNgcobo bbebeme phambi kwenkundla zika Mantyi befuna ubulungiswa ku Sihle Shweni nothe wabulawa ngokumasikizi yintombi yakhe engu Siphokazi nemhlabe yamosela. Umfana oselula u Sihle nozalwa kwilali yase Qhutsi noneminyaka engamashumi amathathu anesine nobexelenga kwisibhedlele i Allsaints uthe akavisisana nalowo ebencuma naye waze wabe uyaphulumana nobomi bakhe. Ongumpathi wesibhedlele uMnu Maqadiyane uthi balahlekelwe ngumntu ebezimisele kakhulu emsebenzini wakhe bayavelana nosapho kuba kumnke umntu ebenesakhono kakhulu ,bayavuma umthetho mawudlale indima kuba njengoba belahlekelwe bayayazi ukufumaneka umntu onguMpondo zihlanjiwe kubanzima, kuba urhulumente akasaqeshi. Esisiganeko sothuse wonke umntu nanjengoko ityendyana eli belisaziwa nelibancede kakhulu abantu.Inkonzo yamatshethi phantsi kwe Diosis of uMbhashe iphakamile nayo isithi phantsi ngokubulawa kwabantu.Umama uBhovungana Noluntu nosuka kwelibandla uthi linxeba elinzulu eli kakhul, bayacela iziganeko ezikumila kunje zingahlekelwa ngumthetho,ekwakhuthaza ukuba xa uhlukumezeka phuma kusengethuba unganyamezeli.Ityala livuluwe kumrhanelwa nangona exoxa engaphandle.


