Uzakokhiwa uR61 eNgcobo
I -Arente ejongene nendlela u(Sanral)inikeze ngokusesikweni abantu abazakuthi baphucule indlela ezakuthi yokhiwe nephakathi kwe Allsaints ku R61 kwakunye ne Bhaziya phantsi komasipala iDr Ab Xum.Nanjengoko ingumcelimngeni into yendlela ezingahambekiyo ukuphuculwa kwale kubavuyisile abanintsi bejonge nokuxhamla kumathuba emisebenzi.Abo bangosomashishini bajonge ukukhula nabo.Ongusomashishini uThembinkosi Mdali uthi bonke abazakuthi baxhamle ucela kungabikho kuxhwithana kuba uSanral elithuba aze nalo ingase lingaphoncuki,esithi indlela ziyafuna kakhulu ukuphuculwa kuba imeko uazo ayikhontle.Umasipala uyamnkele ngezandla ezishushu le Arhente.USodolophu kumasipala iDr Ab Xuma uSiyabulela Zanqga uthi bayayamnkela le project kuba kubonakala inqubela phambili nokuvela kwamathuba emisebenzi esithi nabo bangekabinazo igrades mabayolungisa kuba amathuba asezovela. “Sifuna nokutsho ukuba iproject ngase zingajiki ngenxa yoba kungekhomntu ungenasakhono,abantu mabasebenze bonyuse ilevels zabo ukuze kubekho inqubela phambili,ukulungiswa kwendlela asikuthathi kancinci kuba sifuna inkonzo ezingundoqo ziye eluntwini,”utshilo uZangqa. Iproject le izakuthi iqalise nezakuthatha nje inyanga ezingapha kwesihlanu.Osuka kwa Sanral umama uWelekazi Sishuba uthi bayavuya bede bayizisa le project bafuna kusetyenzwe kungabikho mntu uvaleleka ngaphandle wonke umntu axhamle. Abantu abatsha bakhuthaziwe ukuba bathathe inxaxheba.
Umfanekiso:Iholo lase Allsaints beligcwele qha kuzokwamnkelwa indlela ezokwenziwa ngu Sanral.


