Iimeko zezulu zibulele abantu kwisithili se-O.R Tambo
Intatheli: Monwabisi Khininda | Mqanduli
Umasipala wesithili i-O. R Tambo ungqinile ukuba lifikelele kubantu abane inani labantu ababhubhe ngenxa yokubethwa lizulu kutsha nje. Abathathu kweli nani babhubhe emva kokubethwa ngumbane loo gama omnye ebhubhe emva kokuwelwa yindlu eMqanduli. Phantsi komasipala iNgquza Hill kwilali iBuhlanyana kubhubhe intwazana eneshumi elinesibhozo leminyaka ubudala ekhayeni layo emva kokudlalwa yiNkosi. Le ntombazana ibililungu leNkciyo. Kanti kumasipala iKing Sabata Dalindyebo kusweleke ixhego elinama-64 eminyaka ubudala ngethuba kumka indlu yasebumelwaneni apho belifihle khona intloko emva kokumkelwa yindlu. Kumasipala waseNyandeni kusweleke abantu ababini intombazana eneminyaka esixhenxe ebethwe ngumbane wezulu omnye wesibini naye ubethwe lizulu.
USosithili uMesuli Ngqondwana uthethe wenjenje: “Egameni lomasipala base-OR Tambo ndidlulisa amazwi ovelwano kwiintsapho ezichaphazelekileyo, sikunye nazo ngelixesha libi kangaka. Sikhuthaza umoya wobuntu njengoko uninzi lwabantu kwindawo ezithwaxwe yile mozulu embi begcinwe ngabamelwane nezihlobo.” Inani labantu abashiyeke bengoodingindawo lifikelele kwi-160 kodwa kusaqhutywa nomsebenzi wokujonga umonakala.


