IiNkosi mazidlale inxaxheba ekuqulunqweni kwemigaqo-nkqubo
Intatheli: Monwabisi Khininda | Mvezo
UNkosi Zwelivelile Mandla Mandela waseMvezo uthe umbutho we-ANC mawubuyisele iiNkosi ekuqingqweni kwemigaqo –nkqubo yombutho. UNkosi Zwelivelile ongumzukulwana kaRholihlahla Mandela ebethetha kwisikhumbuzo sokukhululwa kukaNelson Mandela ebesibanjelwe koMkhulu eMvezo. Lo msitho ubuzinyaswe naziNkosi ezisuka kwezinye izizwe.
“Ekusungulweni kwayo i-ANC yaba yimpumelelo ngenxa yokusebenzisana neeNkosi nto leyo eyadala ukuba ibenkulu inkxaso yoluntu. Ukuze ibuyisele elo lifa i-ANC mayibenesihlalo seenkosi kwitafile yokuqingqa imigaqo-nkqubo ukuze iiNkosi zimele abantu basezilalini xa kuqingqwa imithetho echaphazela amasiko nezithethe.” Uhambise wathi ukusungulwa kwe-ANC yayingelonyathelo lokulwa ucalucalulo kuphela koko yayikukuhlanganisa ulawulo lweNkosi nnomzabalazo walemihla. Uthe iiNkosi mazisebenzele ukuba uluntu malubenendlela yokuziphilisa .
UNkosi Zwelivelile uthi xa kunokuphinda kuqwalaselwe imigomo yokusungulwa kwe-ANC kungashukumisa amathambo abasunguli balombutho.Uthe kwixesha elizayo zonke izintlu zoluntu kungajongwa cawe, uhlanga, nendawo kufuneka zimelwe ngokulinganayo xa kuqulunqwa imigaqo- nkqubo. Uthe kwizikolo zoqeqesho eziphantsi kwe-ANC makubekho izifundo ezingendima eyadlalwa nguKumakani Dalindyebo, uKumkani Lewanika noNkosazana Labotsibeni. Uphinde wamemelela ukuba kubekho izikhumbuzo zeenkokheli ezifana no-Albert Luthuli noNelson Mandela ukugcina iingcamango zabo namaphupha abo ngomzabalazo.


