Bafundisa benceda uluntu otitshala eNgcobo
Intatheli: Yonela Mpaka | All Saints – Ngcobo

Otitshala be dolophu yase Ngcobo phantsi kombutho we SADTU bebetyelele kwisibhedlele sase All Saints ukuyonikeza omama abanabantwana abasanduzalwa Izipho. Abatitshala kulo mbutho babhiyozele usuku lotitshala kuzwelonke ngokuyonikela beyovuyisa kwintsapho ezingomama. Oku kukhe kwenziwa ngumasipala I-Dr AB Xuma phantsi kwesikhokhelo sika Zangqa Ongu Sodolophu.
Iziphatha mandla kwisibhedlele sase All Saints bezingawuvali umlomo kuba kwizipho kufakwe yonke into enodingwa ngumntana osanduzalwa. Ongomnye wabazali uSinelizwi Bhotomani uthi ezizipho zifike ngexesha elifanelekileyo kuba yena esisiqu ebengekayazi uzakuthini ukubheka phambili ngenxa yokuba engenanto, esithi okwenziwe zezititshala ukuvuyela kakhulu.Bayile kwishumi omama abathe banikezwa ezizipho.
Liphulo lokuqala eli lotitshala abacinge ukunikela kwisibhedlele esi. Okumbutho i-SADTU uNdumiso Mbaxa uvakalise ukuba beqalile nje abaphindi bayeke kuba bafuna ukushiya umzila ngoku. “Asifuni kugqama ngakufundisa kuphela ngoku kodwa sifuna nobonakala sivelisa sincedisa kwintlakahle,“ utshilo u Mbaxa. Elokhwelo libenze baziva bewongekile abesibhedlele nabaqhwabe izandla kulomsebenzi wenziweyo.


