Kudutyulwe lwahlanza iselwa uCeba we-UDM emva kokutsalelwa umnxeba.
Intatheli: Ntsikelelo Jonga | Motherwell – Gqeberha
Ubekwindawo yokucheba iinwele ngethuba etsalelwa umnxeba uCeba we-UDM uMnu Luxolo Namette. Uphume esiyakuphendula umnxeba lowo kanti ngumnxeba obumtsalela ekugetyengweni kwakhe.
Oku kwenzeke eMotherwell ngoMgqibelo umhla wesi-7 kule yeNkanga. Ukanti ke uNamette wayekhe waba nguSekela Sodolophu waseNelson Mandela Bay. Udutyulwe wabulawa kwiintsuku ezintathu nje emva koNyulo loRhulumente waseKhaya luka-2026.
I-UDM ithi ikhathazekile kakhulu ukuba oku kunokuba kukubulawa okunxulumene nezopolitiko, kwaye iza kudlulisela lo mba kwi-Political Killings Task Team (PKTT) ukuze ifumane ingqalelo ekhethekileyo.
Isithethi samapolisa eMpuma Koloni, uBrigadier Nobuntu Gantana, siqinisekisile ukuba ityala lokubulala livuliwe kwisitishi samapolisa saseMotherwell, kwaye abarhanelwa kunye nesizathu sokubulawa kusaphandwa.
UNobhala Jikelele we-UDM, uBulelani Bobotyane, uthe olu gebengo lufake isithunzi esimnyama ekuthatheni inxaxheba kwe-UDM kunyulo, kwaye wabongoza uphando olukhawulezileyo nolucokisekileyo.
Uluntu lucelwa ukuba lunike amapolisa naluphi na ulwazi olunokunceda uphando, kwaye lungasasazi amabango angaqinisekiswanga.
Okuvele kwingxelo entsha yamapolisa echaza indlela ekutyholwa ukuba ubulawe ngayo uCeba lo oneminyaka engama-45 kwisitalato i-Umnulu, eNU 9, malunga nentsimbi ye-15:44 ngomhla wesi-7 kweyeNkanga. Ngokwamapolisa, umrhanelwa ongekaziwa umdubule kabini entloko uNamette wawa ngamadolo waza wasweleka kwindawo yexhwayelo.
Amapolisa ebesenza imijikelo yokugada kule ngingqi ngethuba efumana ingxelo ngesi sehlo. Ukufika kwawo, athetha nodade boNamette. Kulendawo kufunyenwe izingxobo zeembumbulu, izixhobo zokumamela ezindlebeni neminxeba emibini. UMkomishinala wamaPolisa eMpuma Koloni, uLieutenant General Vuyisile Ncata, ukhokele amagosa aphezulu aye kule ndawo, ekwakukho kuyo neengcali zophando lwasenkundleni nezamayeza eziphanda unobangela wokufa.
UNcata ukugxekile oku kubulala, esithi amapolisa azakuqhubeka nokusebenza de abo babandakanyekayo babanjwe. Ukwabongoze nabani na obone okanye ove nantoni na ukuba ancede ngolwazi ukuze kufunyanwe ubulungisa kuNamette nosapho lwakhe. Akukabanjwa mntu, kwaye isizathu sokubulawa kwakhe asikaziwa. Uphando lwetyala lokubulala lusaqhubeka.
Nabani na onolwazi angatsalela umnxeba kwaCrime Stop ku-08600 10111 okanye asebenzise iMySAPSApp. Ulwazi lunokunikwa kungachazwanga igama.


