Bakulungele Ukwakha Amadoda Angomso eNgcobo
Intatheli: Yonela Mpaka | Ngcobo
Iqela lamadoda belihlanganisene kwimbizo ebibanjelwe kwiholo lakwamasipala uGqirha AB Xuma kuqeqesho olujolise kulwaluko.
Lembizo ibiquka iinkosi, iingcibi, amakhankatha, kunye namalungu ombutho weengcibi. Amasebe karhulumente, uCOGTA kunye neleZempilo, nawo abekho ukunika iingcebiso ezibalulekileyo.
Iingcibi zazisiwe ngokusesikweni, zanikwa nezatifikethi eziwanika igunya lokwenza umsebenzi wokwalusa amakhwenkwe ngokukhuselekileyo.
Iingcibi kunye namakhankatha zenze izibhambathiso zokuba lo msebenzi ziyakuwenza ngokufanelekileyo nangokukhuselekileyo. Iinkosi nazo zizibophelele ekuncediseni ukuze yonke into ihambe kakuhle.
UNkosi uSindile Mtirara uthe oluqeqesho luyakubanceda kakhulu, kuba kubekwe kwacaca okulindelekileyo kubo, kwaye akufuneki zimpazamo.
Imigubho yenye yezinto ezingavumelekanga kwidolophu yaseNgcobo.
Osuka kumbutho u’Vuka Ume Ndoda’, ongumbutho weengcibi zaseNgcobo, uTata uSimilo Mbotho, uvakalise ukuba bakulungele ukuya kusebenza, benethemba elikhulu lokuba akuyi kubakho zingxaki.
“Sifuna ukwakha amadoda angomso, kungoko sizimisele ukungayenzi nanye into eyakuthi yonyelise ootata. Sikulungele ngoku ukuyokwakha ikamva lawo. Sifuna ukuwabona ekwazi ukumela amakhaya awo”, utshilo uMnu Mbotho.
Bangaphezu kweshumi abathe bafumana ezo mpepha zokuqinisekisa ukuba bawulungele umsebenzi.


