CommunityLocalNews

I-SeeClickFix App yoMasipalawe Drakenstein – KwenziwaLula Ukufaka Ingxelo!

29 June 2023 – Drakenstein Vars

Paarl

UMasipala we Drakenstein uhamba phambili kunabanye xa kujongwe ukusetyenziswa kwe teknoloji ukuphucula uziso lweenkonzo ebantwini. Kwiminyaka emithathu edlulileyo, uMasipala wazisa i SeeClickFix, iqonga elikwi-intanethi lokuxela imiba ekhoyo kuziso lweenkonzo ebantwini, elithi livumele abahlali balapha ukuba baxele ngokulula izicelo ezingangxamisekanga zonikezo lweenkonzo. Imizekelo yemiba engathi ixelwe kwesi sixokelelwano sokuxela sikwi intanethi iquka ukulahlwa kwenkukuma okungekho mthethweni, izigingqi, ingca ende, kunye nezibane ezingasebenziyo ezitratweni, kwezinye izinto.

Imahala yaye ilula ukuyisebenzisa Isixokelelwano se SeeClickFix sine app emahala ezifownini (ze iOS, Android okanye ze Windows) evumela abasebenzisi bayo ukuba babonise indawo okuyo umba oxelwayo, bathathe umfanekiso, baze banike uluvo ngawo, baze bafake isikhalazo kuMasipala ukuba asisombulule. Oku kunceda abasebenzi kumasipala ukuba bazi ngokuchanekileyo ukuba yintoni ingxaki nokuba iphi na nokuba
bayisombulule. Okunye okuhle kwale app kukuba abahlali babonelelwa ngenombolo yerefurensi eyenza bakwazi ukulandelela inkqubela yezicelo zabo.

Imiba engangxamisekanga kuphela nceda uqaphele ukuba i SeeClickFix ayenzelwanga imo yenxunguphalo efana nokumka kombane, ukugqabhuka
kwemibhobho yamanzi, imililo okanye uncedo ngezinto zezomthetho. Xa ukwimo yonxunguphalo engxamisekileyo, kunye nezinye izicelo zezeenkonzo, imibuzo kunye nezikhalazo, abahlali bangaqhagamshelana noMasipala ku 080 131 3553 mahala (zonke iiyure) okanye kwi imeyile
customercare@drakenstein.gov.za.