Uluntu kuthiwa ludidekile ngemo yombane
13 EyeKhala 2023 – Intatheli kaDizindaba – Ekapa
EKAPA
Xa kanye abemi boMzantsi Afrika bebesandula kuvakalisa izimvo zabo ngento entle yemeko yombane ezanywa ukuphuculwa ngu Rhulumente, ngoku bavakalisa ukudideka xa kuphindwa kubuyelwe koo Stage 3 no 4. Kodwa yena uMphathiswa omtsha kwezombane, umnumzana Kgosientsho Ramokgopa ebekhe wayibeka elubala eyokuba uluntu kufuneka luyazile into yokuba imeko ka “Cimi Cimi” yombane ayikapheli ncam. Ngenxa yoku uye wabongoza okokuba umbane usetyenziswe ngononophelo ukuncedisana noRhulumente.
Kwii ndawo ezininzi eziquka noo Lady Frere, Lusikisiki naphaya eBolani ooWellington noo Pere bekhe zancoma ngokuhamba kakuhle kombane nalapho kuthiwa ubuye ucine kanye ngemini okanye ungaze ucime.Kodwa ngoku bothuswe kukuphinda kuthethwengokubuyela koo Stage 3 no 4.
Yena uMphathiswa Ramakgopa wazise okokuba bengu Rhulumente baye babanamandla okuphucula amaziko okuphehla umbane.
UMphathiswa Ramakgopa uthe: “Ndingatsho ngokukhulu ukuzithemba okokuba lawa maqondo ku “Cimi Cimi” afana noo Stage 6 ukuya ku Stage 8 akusokuze kude kufikelelwe kuwo.
Oku kucima cima kombane lukhala ngako uluntu yindlela yethu yokugcina amandla okungade kuyiwe kula mabakala aphezulu okucima kombane. Ukufezekisa oku ke kuza kuxhomekeka kwi ntsebenziswano noluntu ekulondolozweni kombane ngazo zonke iidlela.
Yena u “Cimi Cimi” wombane yinto ezakude siyoyise njengoko ziya zivela ngokuvela iindlela zokuphuhlisa amaziko ophehlo lombane.
Kwelinye icala abantu abaninzi bavakalise ukuncoma uMphathiswa omtsha kwezamandla ombane besithi oko ethe wabekwa kuye kwabakho ithemba elikhulu elizayo ekulweni ubunganga buka “Cimi Cimi”. Kodwa kwelinye icala uninzi lukhala ngokungade abhentsiswe amagama amalungu ePalament abandakanyekayo kurwaphiliso obeluqhubeka kwa Eskom.


