‘Sakubaxhasa abo bafuna nxaso
30 EyeNkanga 2023 – 06 EyoMnga 2023 – Yonela Mpaka
NGCOBO
Isebe lezophuhliso lwamaphandle nemihlaba kwidolophu yase Ngcobo belibambe into ebizwa ngokuba yi Show day. Ibalusuku olukhulu apho wonke umntu ebonakalisa ngesakhono anaso. Abalimayo abathungayo ababhakayo nayoyonke into eveliswa ngezandla iyabonakaliswa ukuze kubekho abo bathengayo ezonyo bazithandayo.
Olusuku kwe show ibayeyona ndlela izinyo ezenziwa ngabantu ezithi zibonwe nangosomashishini ukuze bakwazi ukuxhasa. Ophetheyo kwisebe eli apha eNgcobo uMdladlambe uthi wonke umntu unikezwa ithuba lokuba abonakalise lonto anayo ukuze aziwe ngabantu ukuba unako ukuyenza into ethile. “Siyenza le show kuba sikhangela indlela zokuphuhlisa abantu bangathi bethunga kubenzima uba izinto zabo zithengwe, sikhweba wonke umntu ongusomashishini ukuze abone angathengantoni okanye enze indlela yokuba uthenga kulomntu rhoqo lonto ayithengisayo umzekelo imifuno sifuna ithengwe kwababantu balimayo ingade iyokhangelwa kwindawo ezikude kodwa bakhona abantu abayivelisayo,“ utshilo uMdladlambe.
Umasipala naye uthe gqolo ukuxhasa abo bavuka bazenzele. Usodolophu uSiyabulela Zangqa ukhuthaze wonke umntu onesakhono ukuba aphakame azibonakalise. “Siyabona abantu kuninzi kakhulu abakwenzayo abanye bayalima sifuna bangatyhafi bayazi esikufunela bona kokuhle kodwa kuba sifuna ukuphuhlisa iNgcobo yethu, sisithi nakwabo bangekenzinto mabakhangele izinto abanozenza thina sikhona ukuxhasa abo badinga uncedo, “ utshilo u Zangqa.
Abo balimayo bacele inxaso ikakhulu ezikolweni ukuba imifuno ithengwe kubo. Umama uLoqo Thenjiwe nongumlimi uthi bacela inxaso engagunqgiyo kurhulumente, uthi bafuna ukulima beyazi banayo indawo yokuthengisa, benze nombulelo kwisebe eli elibanike ithuba lokuba bazibonakalise ngemisebenzi abayenzayo.

