BusinessLocalNews

Bakhalale amashishini wabo eNgcobo

Yonela Mpaka

Umasipala wase Dr AB Xuna ebengene ngaphakathi edolophini eqinisekisa ukuba uzikhupha zonke izinto ezenzeka ngokungekho semthethweni ezifana nokubaswa kwemililo kwa nabo bamisa izitendi zokuthengisa izinto ezingekho semthethweni. Eli phulo liqale ngendlela entle kakhulu nebinjongo ikukucoca idolophu kodwa kwajika oko kwaxhola kabuhlungu kwabo bangosomashishini abazizamelayo.

Ukuwiswa  kwezozitendi zipheka umbona ezinye zoja inyama kuwawisile amanye amashishini.Obelixhoba nozojela inyama  uNoloyiso Mbelu nozamela abantwana bakhe ukuze balale betyile uthi wothukile xa kufika abantu bengabhungisana nabasuka kuMasipala sele besusa izinto zakhe zokuthengisa becima mililo, uthi khange akholwe yilento kuba zange bafumana kwanto ebacelayo ngaphambili ukuba bangabasi kwidolophu lena,uthi uziva ephoxekile kuba akanayo enye indlela aphila ngayo ubona ukuba indlala iyamchwechwela kwa nelungelo lakhe lokuvuka uzenzele liyanyhashwa. Abathengisi zitalatweni basanqumamile ukubasa imililo edolophini nokuphunyezwe oku licandelo lemililo kwanelo lezokhuseleko Omele osomashishini abasakhulayo  kwidolophu lena u Vusumzi Dlamini uthi bavile ngalento yokususwa kwezitendi zabantu noko abakuthanda oku.

”Sikholelwa ekubeni abazenzela amashishini bazama indlela yokuziphilisa ewe mhlawumbi bayayiqhumisa idolophu kodwa sicinga ngekukho kwenziwa ngenye indlela, kwababantu bathengisayo kukho abo bafundisa abantwana babo nabaphila ngalemali, noko siyamcela uMasipala abuye ngeneno acingele abantwana abakuthi balale bengatyanga sicela intsebenziswano,“ utshilo uVusumzi Dlamini. Abo baqhuba lamashishini basathe nqumama kwimisebenzi yabo .Amagosa asuka kuMasipala awavumanga ukuphemfula ngalenyewe ingulowo engasafuni kubangathi ebekhona kulento.