LocalNewsSports

Ibuyile INozulu Youth Legacy Cup nakulona unyaka

Anele Raziya

Iphinde yabuya nakulona unyaka itumente enjongo zayo ikuphuhlisa ibhola ekhatywayo kwaye isuse nolutsha kwiziyobisi eMnquma.

INozulu Youth Legacy Cup nedlalwa zidyongo ezineminyaka engaphantsi kweshumi elinesixhenxe (U/17) eMnquma eGcuwa ibuyile kwakhona kulo nyaka emva kokusindlekwa ngempumelelo kunyaka odlulileyo.

Le tumente idume kakhulu kwicala lokhuthaza abadlali kwibhola ekhatywayo, kulindeleke ukuba isindlekwe kumabala waseWalter Sisulu University kwiKampasi eseBika uqala ngomhla wama22-24 kule nyanga.

Amaqela amabini asuka eMthatha neqela elinye laseMonti kunye namaqela alishumi elinesithandathu (13) waseMnquma, azokuphisana kule tumente isindlekwa rhoqo ngonyaka.

Abaququzeleli betumente iNozulu Youth Legacy Cup kulindeleke ukuba bathelekise amaqela aza kuthatha inxaxheba ngomhhla wamashumi mabini ananye kule nyanga.

Abo babesakudlala kumaqela afana noMthatha Bucks, Blackburn Rovers kunye namanye amaqela wePremier Soccer league kulindeleke bafumane ithuba lokhuthaza ezidyogwana ngaphambi kokuba kuphume amabhaso wamaqela nabadlali abaqhube kakuhle xa songwa itumente.

ULuxolo Matikinca oyinzalelwane yaseGcuwa nokwasebenza njengo Manejela kwiqela iSekhukhune United edlala kuPSL nguye owaza nalo mbono wale midlalo kwaye usebenzisana namanye amagqala ukuphuhlisa imidlalo eMnquma.

Kunyaka ophelileyo bekukho amagqala afana noMzunani Mgwigwi namanye ukanti nakulona unyaka kulindeleke azimase le tumente.

Amaqela aqhube kakuhle nabadlali abagqamile bazakugoduka namabhaso aphambili kwaye ancomekayo njengo nyaka ophelileyo apho kwakuwinwa imali neemphala yokudlala.