BusinessNews

Ucimi cimi woman eMnquma

15 EyeKhala (July) 2024 – 24 EyeKhala (July) 2024 – Anele Raziya

Nangona ucimi-cimi wombane (loadshedding) usanqunyanyisiwe kwilizwe lo Mzantsi Afrika, kodwa abahlali baseGcuwa, Mchubakazi, Zizamele Township, Msobomvu,Cuba, Bika kuquka nezinye indawo eMnquma bazibona belala ebumnyameni ngenxa yokumane kucima umbane.

Konke oku kuthiwa kubangelwa ngamasela wentambo zombane kunye nabo benza izinyoka zombane, ngokwengxelo yeziko eliphehla umbane, uEskom eMpuma Koloni.

Kwinyanga edlulileyo uEskom ukhuphe isilumkiso esikhawulezileyo elumkisa abahlali bendawo eziseMnquma ngokuba bangazibona behlala ebumnyameni kweli xesha lasebusika ukuba abancedisani neli ziko ukunqanda abo baqhawula intambo zombone kunye nabo benza izinyoka zombane.

Iziko uEskom uthe ukuba abahlali baseGcuwa bayohluleke uncedisana nabo ukulwa lento yokwebiwa kombane ngezinyoka kunye nokubiwa kwentambo, lonto ingabangela umbane umane ucima oko eMnquma.

Kwinyanga ephelileyo kwiveki yokuqala kuye kwaqapheleka ukuba iintambo ezintathu ezibalulekileyo ezihambisa umbane eGcuwa nakwilokishi  azisebenzi ngenxa yokuba bekuqhawulwe ezinye zazo zabiwa ngootsotsi.

Lonto iye yabangela kungabikho mbane kwindawo ezininzi kodwa uEskom wakhuwuleza wawulungisa lomonakalo kusuku olulandelayo.

Umanejala wakwaEskom eMpuma Koloni, uMbulelo Yadwa uthe bahlaba ikhwelo kwinkokheli ekuhlaleni kunye nasebahlalini ukuba baphakame balwe lomkhwa wokubiwa kwentambo zombona kwaye baze ngaphambili bazokuchaza abo benza izinyoka zombane ukuze bazokujongana nengalo yomthetho.

UYedwa uthe into yokubiwa kombane eMnquma ngabo bazithathela kwintambo lonto iphazamisa emakhaya kunye namashishini asebenzisa umbane.

Kangangokuba ngo2022 kwibala laseMsobomvu lezemidlalo uEskom, AmaPolisa kunye nomasipala waseMnquma baphehlelela iphulo lokhuthaza abahlali ukuba bazichaze iziganeko zokubiwa kwentambo, ukonakaliswa kwezitishi zombane kunye nabo benza izinyoka zombane.

Umasipala waseMnquma naye uye wahlaba ikhwelo ebahlalini ukuba bayilwe into yokubiwa kwentambo kuba ukucima kombane kungaphazamisa noqoqosho lwasekuhlaleni.

Okwangoku akukaphindi kubikwe siganeko kwaye umbane awukaphindi ucime