Kufuniswa ngababulele abantu abane kuGatyane
12 kweyoMngu 2024 – 15 eyoMqungu 2025
Monwabisi Khininda
Kwilali yakuMente kuGatyane kubulewe usibonda welali kunye nabantakwabo abathathu. Kuvakala ukuba usibonda lo kunye nabantakwabo bebehamba ngemoto eluhlobo lwe-Toyota Cross besingise edolophini. Kuthe kusenjalo kwavela iimoto ezimbini eziluhlobo lweToyota Avanza emacaleni ohlukeneyo.
Kudizwe ukuba iAvanza nganye ithe yothula abantu ababini emva koko zajika zabuyela kumacala ebezivela ngakuwo. Enye iAvanza yaphinda yabuya yazokumisa le moto ihamba usibonda nabantakwabo ze bayihlwayela ngeembumbulu. Esi siganeko senzeke kuLwesihlanu weveki ephelileyo.
Amapolisa athe afumana imizimba emine yamadoda aneminyaka ephakathi kwama-34 nama49 ubudala kunye nemoto le bebehamba ngayo kufutshane nomlambo, emithathu imizimba ibisemotweni omnye ungaphandle kwemoto. Okwangoku unobangela wolugebengo awukaziwa kwaye akukabanjwa mntu. Amapolisa acela nabani onolwazi olunokuncedisa amapolisa, anqakule abarhanelwa,atsalele umnxeba kwa-Crime Stop kwinombolo engu-0860010111 okanye alume indlebe amapolisa akufuphi.

