Crime & Safety

Amapolisa afuna umbulali ephindelela waseGqeberha

Yintatheli yeKhwezi

Amapolisa ephondo kwicanelo lolwaphulo mthetho olunobuzaza abongoza uluntu luwancedise ukukhangela kufunyanwe umrhanelwa onobungozi kakhulu eNelson Mandela Bay.Le ndoda enguThembinksi Mangesi (35) nowaziwa ngokuba ngu”Terra” ufunwa ngamehlo abomvu ngabakwantsasana.Ubandakanyeka kumatyala amahlanu okubulala kwiziganeko ezahlukeneyo.ukuphanga ishishini,ukuzama ukubulala kunye nokuqweqwedisa isithuthi ngo-2023 eKariega naseBooysens Park.Ngokutsho kwamapolisa uyingozi engathethekiyo.

Isithethi samapolisa uCaptain Andre Beegte uthi ukusukela ngoko usagcwele amathafa akafuni nokudibana namapolisa.Amapolisa abongoza umntu onolwazi ngendawo akuyo uThembinkosi Mangesi aqhagamshelane nomphandi  welamatyala uDetective Sergeant Nigel Wright ku-0829212312 okanye uCrime Stop ku-0860010111.

UMFANEKISO: UThembinkosi “Terra”Mangesi isigebenga esifunwa ngamapolisa
aseMpuma Kapa.