Uncategorized

Usengaphaya kwezitshixo uSekela Nqununu otyholwa ngokuxhwila 

Edition: 12 March 2026 – 25 March 206

Intatheli: Monwabisi Khininda |

UMfundisi waseMonti uVuyokazi Gana (52) okwanguSekela Nqununu kwisikolo samabanga aphantsi iSinomonde Primary School nowabanjwa ngomhla we 15 kweyeDwarha kunyaka ophelileyo, ebevele emaplangeni kwiveki esiyishiyayo. Ujongene nezityholo ezinobuzaza zokushishina ngabantwana, axhaphaze abantwana ngokwesondo kunye nokuxhwila abantwana abaselula abangamantombazana eMthatha, kuQumbu naseNgqeleni. Ityala lakhe limiselwe umhla wesibini kuTshazimpuzi kulonyaka.

Isicelo sakhe sebheyile saye sakhatywa yiNkundla ephakamileyo yaseMakhanda,ngomhla wesicelo sebheyile ityala lalichotshelwe nguJaji Nicola Molony. Othethela amapolisa kwiHawks uWarrant Officer Ndiphiwe Mhlakuvana uthe: “Akho amathuba okuba kungongezwa abanye abarhanelwa kweli tyala.” Othethela umbutho wamakhosikazi iMasimanyane Women’s Rights International uXolelwa Pona uthe: “ Ukuba angafunyanwa enetyala uSekela Nqununu loo nto iyakuthetha ukuthi amaxhoba abufumene ubulungisa, kwaye sinqwenela ukuva ukuba iSebe lezeMfundo limi ndawoni kweli tyala.”

USarah Hlongwe weSisonke National Women’s Movement uthi: “Sizamile ukwenza amaphulo wokuxhobisa uluntu ngeziganeko ezikhankanywe ngasentla,kodwa amaxhoba welityala awafunanga ukuba yinxalenye yeliphulo.”