KUVALELWE USOMASHISHINI EMONTI
Edition: 30 April 2026 – 13 May 2026 Intatheli: Ntsikelelo Jonga | Monti
Kubanjwe kwaza kwavalelwa usomashishini waseDuncan Village eMonti, emva kokuba uMasipala iBuffalo City Metro uqhube iphulo lokugqogqa nokucoca isixeko kwizinto ezithengiselwa uluntu ngokungekho mthethweni.

Kolu phulo, kufunyenwe ikhaya eDuncan Village elisebenza ngokungekho mthethweni njengekhemesti (pharmacy). Kuthiwa le ndawo ibithengisa amayeza empilo kuluntu ngaphandle kwemvume, kuquka nokufaka abantu iinaliti, nto leyo engavumelekanga ngokomthetho.
Kufunyenwe izinto ezininzi eziquka oomatshini bokuhlawula (speed points), iinaliti, intlaninge yamayeza, iipilisi ezahlukeneyo, kunye nemali efikelela ku-R85 000.

UMasipala uthi le nkonzo ibinikwa uluntu ngumnini weshishini ngaphandle kokubhaliswa nokugunyaziswa ngokusemthethweni.


