CommunityLocalNewsPolitics

‘Asivoti kulona unyaka thina  bahlala ematyotyombeni eNgcobo

Intatheli: Yonela Mpaka | Ngcobo

Badikwe yeyokosa abo bahlala kwindawo yase Matyotyombeni eNgcobo emva kokuba izindlu abahlala kuzo zingekho semgangathweni. Oko babezijonge ngamehlo abomvu izindlu zikarhulumente kunanamhlanje kusenzima isimo abahlala phantsi kwaso simaxongo. Izandyondyo zemvula ezinetha mihlale zibashiye besexhaleni oko. Izindlu ezi bahlala kuzo zokhiwa ngodaka ukuze emva koko zibiyelwe ngamaplanga ukuze zingawi. Kwindawo le wonke umntu uyazokhela indlu ingakumbi xenawo amazinki nepali.

Abahlali balendawo bakhalazela ukuba kudala bavota kodwa akukhonto bade bayenzelwe. Izindlu zangasese ababezokhelwe sele zigugile, amanzi kwindawo lena bawakha kumthombo ongekudanga kubo. Abahlali be bebenethemba lokuba bakuzuza kwezo zokhiwayo izindlu ingakumbi kwiwadi zase Ngcobo kodwa kusathe cwaka. Ongumhlali umama uNothozamile Sibutha uthi oko babejonge enkalweni akukhonto urhulumente ade abenzele yona kodwa qho kusondela uvoto bayahamba bayovota, esithi kulena igem yena akazuya ukuyovota kuba bathenjiswa nje kungabikhonto emva kovoto. Umasipala wase Dr AB Xuma uthe wanikeza nge project ezokwenza izindlu kwenye yewadi zase Ngcobo.

U-Sodolophu womasipala uSiyabulela Zangqa uvakalise ukuba abo bangekazifumani izindlu bazakude baxhamle nabo okwangoku basajonge abo babewelwe kwanabo sele behlala kwizihlobo bangenayo indawo yokufihla intloko. “Sele  sokhele abantu abangapha kwamakhulu amathathu,siyaqhuba ne project yokokhela abantu, nakwindawo lena sizakude sifike kuba nakwezinye iwadi bezingekho ezizindlu, siyacela uluntu lunenomonde sizakuwenza umahluko,” utshilo uZangqa.Iproject enikeziweyo ngoku izakwenzela abantu izindlu abangamakhulu amabini kwindawo yase Lahlangubo nase Mkhantsi.